Iyavuselelwa iNxukhwebe yakudala

Ukuvuselelwa ngokutsha kwesikolo sakudala iNxukhwebe eBhofolo, kubuyisa ithemba novuyo kwabo bangoosaziwayo abafunde kweli ziko ngaphambili.

Ingxelo ithi sele liqalile iphulo lokuvuselelwa kwesi sikolo esasungulwa ngonyaka ka1855 ngoncedo lwenkonzo yamaWesile.

INxukhwebe ivelise ingcungela kwezemfundo nakwezopolitiko eziquka uNelson Mandela, Robert Mangaliso Sobukhwe, Simon Gqubule, Mvuyo Tom noLoyiso Nongxa nabanye.

Othethe egameni lesebe lemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima, uqinisekise ukuba ngenene kuyasetyenzwa eNxukhwebe.

“Yimali ekumashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50 Million) esele isetyenzisiwe ukuvuselela ucingo kunye nezakhiwo zokuhlala abafundi abangamakhwenkwe,” ucacise watsho uMtima.

Egameni labo babesakuba ngabafundi kweli ziko uNjingalwazi Mvuyo Tom, uchaza imivuyo abanayo ngenxa yoku.

“Sivuya kakhulu yinkqubela eyenzeka apha, kudala kuthethwa kungekho nto iqhubekayo ngokuvuselelwa kwesi sikolo, bekubonakala ukuba ingacima imbali yaso,” uthethe watsho uTom.

Le ngxelo ithi uNjingalwazi Tom ekunye noNjingalwazi uLoyiso Nongxa bazihlupheza kweli ziko kwizifundo zezibalo nenzululwazi baza bazingcungela. UNjingalwazi Loyiso Nongxa ube yindoda yokuqala emnyama ukuba yinqununu yeyunivesithi yaseWits eRhawutini.

Othethe egameni lenkonzo yaseWesile eBhofolo, uMfundisi Selby Madwe, uthi kuyabavuyisa ukubona imvuselelo yeli ziko isenzeka ngexesha lokuphila kwabo.

“Egameni lenkonzo yamaWesile siyavuya kuba iNxukhwebe ngumsebenzi wenkonzo yamaWesile, sivuya kakhulu ngulo msebenzi wenziwa ngurhulumente, kukubuyiswa kwembali oku,” utsho uMadwe.

Kukho iingxelo zokuba eli ziko liza kufundisa izifundo zezibalo nenzululwazi ukusukela ngoku ngeenjongo zokunceda izikolo zaseBhofolo neendawo ezingqongileyo. Yindibanisela yamasebe karhulumente eyenza ukuba lo msebenzi wenzeke ngaphandle kwengxaki.

Isebe leMisebenzi yoLuntu, umasipala wesithili saseAmathole kunye nesebe lemfundo eMpuma Koloni- badlala indima ephambili kweli phulo.

“Kuza kuvuselelwa amagumbi okufundela, iindawo zokuhlala, ikhitshi nendawo yokuhlamba iimpahla ezi zezi ndawo sele ziqalile ukwenziwa,” uthethe watsho uTom.

Abadlali bombhoxo abaquka uZanemvula Lefuma noMzubanzi Mboya baqalisa ukuzibonakalisa kwezemidlalo kweli ziko-mfundo laseNxukhwebe.

Esi sikolo besilibhongo labantu abamnyama ngamaxesha engcinezelo kuba besisaziwa ngokuvelisa izifundiswa eziphambili.