Iyaxhalabisa ngoku iChippa United

Amaqela adlala kwiPSL alungiselela ukuvulwa kwesizini entsha. Kodwa okuxhalabisayo kukuthathwa kwabadlali abathe qabavu kwisizini edlulileyo kwiChippa United. ekuqaleni kwalo nyaka sive kusithiwa * -Eric Chipeta uthathwe yi-Ajax Cape Town.

Kuthe xa kusondela isiphelo sesizini kwahamba ifolosi yaseBurkina Faso, * -Aristide Bance. Khange kubekho ngxaki ekuhambeni kwabo badlali ngoba iqela beliqhuba kakuhle kakhulu ngelo xesha.

Kuthe xa kuphela isizini, njengentlal’isenzeka, kwavakala ukuba amaqela amakhulu aseGoli afuna abadlali beChippa United. Khange isothuse lo nto ngoba badlale kakuhle kakhulu abadlali beli qela lizinze eBhayi. Kuthe kusenjalo kwavakala ukuba ukapteni, uJames Okwuosa, utyikitywe yi-Orlando Pirates. Emva kwakhe kwathiwa uThamsanqa Sangweni noJoseph Molongoane bafunwa yiKaizer Chiefs nePirates.

Ukuzothi ga ngoku bobabini abo badlali akukacaci nokuba bayathengiswa okanye bazakuhlala. Kufanelekile kubekho ixhala ngoba kuyabonakala ukuba abadlali bafuna ukuhamba. Asingeyisoli iChippa xa abadlali befuna ukuhamba ngoba lilungelo labo elo, kodwa nalo eli qela kufuneka libonise ngoku ukuba yindawo abadlali abanokuthi bazakhele ikamva kuyo.

Njengokuba uDan Malesela ekwazile ukuyithatha iChippa ayibeke endaweni engcono, ngoku abaphathi mabazame ukuqhosha zonke iindawo ezibalulekileyo kwicala lolawulo. Kule veki kuvakele into ethi uNkosinathi Mthiyane uthengiselwe iPirates, ziyaxhalabisa ezo ndaba ngoba ebeyenye yeentsika zeli qela. Kunyanzelekile umnu. Siviwe Mpengesi akhangele abadlali abanamava ukuze afezekise umnqweno kaMalesela wokwenza ngcono kwisizini ezayo.

Ukutyikitya abadlali abasuka kwinqanaba elingezantsi kuhle kodwa abo badlali bazakufuna ixesha ukuze baqhelane nePSL. Ukuhamba kwabadlali abanamava kungafunwa bantu banamava ezindaweni zabo kungaliqhwalelisa eli qela. Kuyafuneka kubekho into eyenziwayo.