Iye eDutywa iR100 000 yeBerlin November

Ihashe laseDutywa, u-Andazi, liphumelele umdyarho omkhuluu weBerlin November.

IMALI engange-R100 000 ebilelona bhaso likhulu kumdyarho wamahashe eBerlin kufuphi neQonce ngoMgqibelo ithe yaphunyelelwa ngamahashe amabini aseDutywa.

Oku kuza emva kokuba ihashe laseTyekelebende eDutywa egama lalo ingu-Andazi lithe laphuma kwindawo yokuqala kuluhlu lamahashe esilungu, nto leyo elenze laphumelela iR50 000. U-Andazi ebekhuphisana namahashe alishumi elinesibini esilungu kumagqibela kankqoyi alo mdyarho.

Kusenjalo kukhuphiswano loonontlanjeni (amahashe esiXhosa), indawo yokuqala iphunyelelwe nguMhlabangulo, ihashe laseTaleni eDutywa naye othe wazuza iR50 000. Kumahashe omhambo, indawo yokuqala uphunyelelwe nguNdodayibuzwa, ihashe lakuTsolo elithe lazuza iR4 000.

Umnini ka-Andazi uNkunzi Ntantala uthi uchulumance kakhulu yimpumelelo yehashe lakhe.

Kodwa ke nanjengoko bekulindelekile, ulonwabo laseBerlin belungekho mahashini kuphela. Ubusitsho umculo, zidyusha iimvumi bebahle benjenjeya oosisi kwifashoni. Nezitatanyiswa ezifana nabaphathiswa kwanoosomashishini khange zishiyeke ngemva, kuba kaloku ulonwabo beludlal’ abantwana eBerlin.

Ojongene nemiba yeentengiso kwiBerlin November uVukile Pokwana uthi yonke le nto ichaza ukuba iziyunguma zehlobo ziqala ngeBerlin November. “IBerlin November yalo nyaka iqhube ngendlela entle kakhulu, futhi iyabonisa le nto ukuba iyonyaka ozayo izakube inkulu kuna le,” utshilo uPokwana.