Ngethuba ibekwa ngokusesikweni kulo nyaka uphelileyo iKumkani yamaMampondo aseNyandeni nequka iidolophu ezintathu iSajonisi, iLibode kunye neNgqeleni, yathi iza kugxininisa kakhulu ekuziseni uphuhliso kulo mmandla waseNyandeni.
Umnatha iIOL yamcaphula esithi, “Indawo yaseNyandeni ineedolophu ezihleli phez’ konxweme ezidinga ukuphuhliswa, iSajonisi inesakhono sokutsala abatyeleli abaliqela kodwa intswelangqesho iyagquba kula ndawo, masisebenzisaneni ekuphuceleni le ndawo yethu,” watsho uKumkani.
NgoLwesibini kule veki sikuyo uKumkani Ndlovuyezwe Ndamase ehambisana nenkampani iReclaiming & Restoring Africa (RRA) uthe wabiza inkomfa yoonondaba kwihotele yaseMayfair eMthatha nalapho ebesithi ufuna ukwazisa ilizwe into yokuba ayiyontsomi into yokwakhiwa kwedolophu entsha eNyandeni.
“Ndibize oonondaba ngoba ndifuna niyazi ukuba iyinyani into yokwakhiwa kweNyandeni City, ayiyontsomi nto nje yinto eseyiqhubeka kungoku,” utshilo uKumkani Ndamase.
Wongezile esithi bona beyindlu yaseNyandeni bazimisele ngophuhliso kwaye abakhethi bani.
“Nabanina othi uzisa uphuhliso eNyandeni ndiyamamkela, ukuba qha uqinisekile ukuba uza yimela lo nto thina asinanxa naye. Nabani na uvumelekile azothetha nathi sibubukhosi,” utshilo uKumkani.
Othembisa ngokuphuhlisa le ndawo yaseNyandeni uLealeboga Gift Mogapi weRRA uthe isiqingatha sokuqala xa kusakhiwa le dolophu entsha iNyandeni City kuzoxabisa imali eyi7.5 trillion yeerandi.
“Ndinabo abatyalimali endithetha nabo futhi bayivumile into yokokuba into ethi sikhona isakhono kula ndawo yaseSajonisi kwaye isiqingatha esingu35% wale mali edingekayo eyi7.5 trillion sendisifumene,” utshilo uMogapi.
Uqhubeke esithi uzamile ukusondeza abahlali kunye norhulumente kolu phuhliso.
“Sithethile nabahlali sibazisa ngolu phuhliso, abantu baseGomolo naseNdluzula ndathetha nabo bayayazi ukuba iyakhiwa idolophu le. Abantu abayi66 sele besebenza phaya, ningaya niyokujonga phaya.
“Ndithethile noSodolophu waseSajonisi emva kokuba sidityaniswe nguKumkani ndimxelela ngolu phuhliso kodwa khange andithathele ngqalelo ngoba kungoku akayiphenduli imiyalezo endimshiyela yona kwaye akalicholi
Umfanekiso: Yolande Feni
ucingo lwakhe xa ndimkhangela,” utshilo uMogapi.
“Xa kusakhiwa idolophu le iNyandeni City asiyidingi imali karhulumente ngoba noba bona bengurhulumente bakhethe ukuzibhekelisa, okusalayo izoqhubeka,” utsho uMogapi.
Uthi into abayidingayo yimvume yokusebenza umhlaba qha kurhulumente. Uphinde wathi bona abananjongo yokuba kukhuphiswano norhulumente.
“Ndifuna nina niziintatheli niye kuRhulumente niyombuza ukuba kutheni engandihoyi nje. Niyandiva ndityhola abantu apha kengoku hambani nibabuze ukuba kutheni bengandithatheli ngqalelo kodwa ndiza nento enkulu kangaka?” utshilo ebonakalisa ukufunza.
Uthi abantu abaninzi bazokuthi liphupha eli kodwa ayililo.
“Ingxaki yile yokuba ndingumntu omnyama kwaye ndingazisondezanga kwezopolitiko,” utsho uMogapi.
Xa ufuna ukwazi ukuba iza kubanjani iNyandeni City yiba nomfanekiso wedolophu iDubai ngoba izakhiwo ezizokwakhiwa zikhuthazwa zezi phaya.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!