Iyingozi inkokeli engamoyikiyo uThixo

“Kukho imizi esikelelwe nguThixo ukuba izale iinkokeli, kukwakho imizi esikelelwe ukuba izale abantu bokunceda iinkokeli ezo, lo mzi wasikelelwa ukuba uzale iinkokeli,” oku kuthethwe nguBhishophu uAndile Mbethe ngethuba ethetha, eqhayisa ngobomi bukaKaizer Daliwonga Matanzima eQamata, eCofimvaba, xa bekukhunjulwa uMatanzima.

UMbethe uxelele loonginginya ibiquka amadoda ayesakuba ngabaphathiswa phantsi korhulumente kaMatanzima eTranskei kwanabo babengamagosa aphezulu kulo rhulumente welo phandle, izifundiswa, iinkosi noluntu.

“Eyona nto indizise apha kwesi sikhumbuzo kungenxa yokuba esi sisikhumbuzo sendoda ebendiyithanda kakhulu kuba ibichubeke kakhulu, ithanda izinto ezilungileyo eziquka imfundo,” uthethe watsho uMbethe.

UPeter Madasa owayesakukhokela isebe lemidlalo eTranskei ngexesha likaMatanzima, ukhongozole inyembezi ngenkophe ngethuba ethetha ne-I’solezwe, ecacisa ngomsebenzi kaDaliwonga.

“Ukunyuswa kwemali ngeshumi elinesibini leepesenti ngonyaka, yayingeyonto ifuna intlanganiso, yayisaziwa sithi sonke ukuba yinto eyenzeka rhoqo ngenyanga kaTshazimpuzi, ngaphandle kwengxoxo,” entywizisa uthethe watsho uMadasa.

Ngoogqirha abangaphezu kwamashumi amane amawaka abasele beveliswe yiyunivesithi yaseTranskei nesele isaziwa njengeWalter Sisulu University ngoku.

UNjingalwazi Xaba Mokoena ulingqina lomsebenzi wokuveliswa koogqirha eTranskei ngexesha lika Daliwonga Matanzima.

“Ngenxa yelo sebe, iMpuma Koloni isagalele kwingxowa yokuveliswa koogqirha eMzantsi Afrika nangoku,” uthethe watsho uNjingalwazi uXaba Mokeona.

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uthe utshintsho olungayihloniphiyo imbali lubangela ingxaki kumsebenzi osukuba usenziwa.

“Zininzi izinto esinokuzifunda kumacebo nendlela ebesebenza ngazo utata uMatanzima, uzinzo kurhulumento, ukuthembeka nokuhlonela imithetho emiselwe ngurhulumente zezinye zeempawu zakhe,” utshilo uMasualle.

UDaliwonga Matanzima wangena kulawulo lweTranskei ngonyaka ka1979 emva kokubhubha kukaBhota Sigcau owayephethe ngelo xesha. Ikhaya lakwaMatanzima liphise ngeencwadi ezibhalwe ibali leli khaya kubantu abakhethiweyo.

UNjengele uBantu Holomisa, usodolophu waseChris Hani uKholiswa Vimbayo, unobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane, baphakathi kwabo bathe banikwa le ncwadi simahla njengesipho.

UMbethe uthi iinkokeli zabantu mazibenempawu ezifana nezikaMatanzima. “Inkokeli engamoyikiyo uThixo iyingozi kuba inkokeli kufuneka xa kutshona ilanga ibuze kuThixo ukuba ibakhokele njani abantu, inkokeli ethunywe nguThixo ayivotelwa ngamanani wabantu abambalwa okanye abaninzi,” uthethe watsho uMbethe.

Ubongoze usapho lakwaMatanzima ukuba libuyele kwiziseko zeli khaya, esithi uDaliwonga wazikhangelela uThixo.

“Ngenxa yokuba wayezalwa kwikhaya elingenabuThixo uDaliwonga, wazicelela ukuba abhabhatizwe eLovedale ngabefundisi ababelapho, waze wacelela nomninawa wakhe,” uthethe watsho uMbethe.