IYunivesithi iWSU nesibhedlele saseMthatha zikhahlele ku-Aunt Laura

IYunivesithi iWalter Sisulu kunye nesibhedlele iNelson Mandela Academic (NMAH), zikhahlele kuLaura Mphahlwa ngendima yakhe ayidlalileyo ekuzikhuseleni ukuba zibekhona.

I-WSU iwonge lo kaMphahlwa ngembasa enikwa abahlobo becandelo lezobunzululwazi kwezonyango (Friends of the Faculty Award).

Lo kaMphahlwa uwongwe kumsitho wokuwonga abasebenzi abaveleleyo nobusindlekwa sisibhedlele iNelson Mandela Academic, ngokubambisana necandelo lezobunzululwazi kwezempilo kwidyunivesithi iWSU (Faculty of Health Sciences), nobubanjelwe eMthatha Health Resource Centre kwiveki ephelileyo.

Intloko yecandelo lezobunzulukwazi kwezempilo uGqr Wezile Chitha, umbalule uAunt Laura ngokuzinikela kwakhe ngexesha kubonakala ngathi le yunivesithi ingavalwa, nangendima yakhe ekusekweni kweli candelo. “Kwakungalalwa imini nobusuku kusetyenzelwa abantu bale ngingqi”, uthethe njalo uChitha.

UMakhonya kwisibhedlele iNelson Mandela Academic uNkskz Nomalanga Makwedini, utyibele le nkondekazi njengomxhasi wesi sibhedlele kwasekusungulweni kwaso. Uthi uAunt Laura ngomnye wabantu abalwa kanzima ukuze iCentral Hospital ibe iyakhiwa kule ngingqi.

I-NMAH neWSU zisindleke lo msitho wokuwonga abasebenzi ngaxeshanye kuba banesivumelwano sokusebenzisana. Abafundi abaqeqeshelwa ubuGqirha eWSU, uqeqesho lwabo balwenza eMandela. Ukanti iingcali zoogqirha abanyanga kwesi sibhedlele ikwangabahlohli beyunivesithi.

UGqirha Chitha, uthe akukho apho ubudlelwane bukaNelson Mandela noWalter Sisulu bugcinwe khona ngaphandle kwakula maziko mabini.