NGOKU iYunivesithi yaseFort Hare kwikhampasi yayo eseMonti izakuba namacandelo amathandathu.
Oku kuza kanye emva kokuba eli ziko-mfundo lisungule icandelo leNzululwazi kwezeMpilo (Faculty of Health Sciences) ngoLwesihlanu.
Lo msitho ubuzinyaswe zizifundiswa eziphuma kumaziko-mfundo ohlukeneyo, kude kuthi iziko-mfundo iFort Hare, ububanjelwe kwiziko lezandi -iMiriam Makeba EC AVC eMonti. Eli candelo lesithandathu, longeza kumacandelo / iifakalthi amahlanu, icandelo lezomthetho (Faculty of Law), elezemfundo (Faculty of Education), elezolawulo (Management), Human Resource kunye nenzululwazi nezolimo (Science & Agriculture). Eli candelo le-Health Sciences, licandelo lesithandathu kweli ziko-mfundo.
Owongamele ela ziko lemfundo enomsila, uGqr. Mvuyo Tom, naye wenze amazwi ngokongezwa kweli candelo, noncedo eliza nalo kwintlalo yoluntu. “Ayikuko okokuqala iYunivesithi yaseFort Hare isenza umsebenzi onje, kwaye ayikukuo nokokugqibela. Kunyaka ophelileyo, kusungulwe isidanga sezifundo zokuhlaliswa koluntu (Human Settlement Degree), nengene phantsi kweHumanities Faculty,” utshilo uGqr.Tom.
UTom ukwaphinde wavakalisa ukuba, icandelo leNzululwazi yezeMpilo liza lirhuqa iinkqubo abazixhasayo benguNokholeji. “Le fakalthi izanoqeqesho, ingakumbi kwizinto ezidingekayo nezingumngeni kwilizwe lethu. Izakwenza ntoni/ izakunceda phi?
kuqeqesho ngezifo ezifana ne-HIV/ Aids, ukukhulelwa kwabo basafikisayo (Teenage Pregnancy), kuxhatshazo lweziyobisi (Drug Abuse) kwanezinye eziliqela,” utshilo uGqr. Tom. UTom, nobeyinqununu yeYunivesithi yaseFort Hare ukususela ngo2006, naye ubambe izidanga eziliqela kweli candelo, kuquka isidanga sobugqirha (MB ChB Degree) awayizuza kwiYunivesithi yaseNatal ngokunjalo neMaster of Family Medicine, awayizuza kwiYunivesithi yaseWits.
Eli candelo leFaculty of Health Sciences, lizanamabakala amahlanu; iNursing Science, Rehabilitative Studies, Natural Sciences, Human Movement kunye nePublic Health.
Kubaliswa ngembali ethe yangunobangela wokuveliswa kweli candelo kulo msitho, kuvakaliswe ukuba, iNursing Science lelona candelo lingudiz’adala kule fakhalthi ukususela ngonyaka ka1983. Eli candelo laqala linabafundi abane be-B Cur libafundisela kwisibhedlele saseCicilia Makiwane ngoko, laze lafudukela kwisibhedlele i-All Saints eBhisho, emva koko lafudukela eCommercial Road eMonti, laza ngo2011 langena kwikhampasi yaseMonti.
Olu tshintsho, lufika kanye ngethuba uNokholeji ebhiyozela ukufinca iminyaka elikhulu kususela oko wasekwayo. Eli ziko-mfundo, lizingomb’ isifuba ngokuvelisa iinkcuba-buchopho ezifana noNelson Mandela, uMongameli waseZimbabwe uRobert Mugabe, uRobert Sobukhwe kunye nabanye abaliqela. Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uMnu. Phumulo Masualle, naye ebekhona njengondwendwe ebelizimase lo msitho waze wathetha wenjenje: “Akukhonto ichulumancisa urhulumente weMpuma Koloni njengenkqubela-phambili kwezemfundo.
Singurhulumente weli phondo sizakuthi gqolo ukuxhasa abafundi abangathathi-ntweni, abo bangakwazi kufikelela kwimfundo enomsila ngenxa yokuswela imali.”
UMasualle ukwaqhwabele izandla uBongani Mayosi wakuGatyane, noyokukhokela ifakalthi yezempilo kwiYunivesithi yaseKapa. INkulumbuso ikwavakalise ukuba, amagqala abongikazi afana nooMam’ uCicilia Makiwane afanele ukuchulumanca apho alele khona kukubona iinkqubo eziphucula amakhono ezempilo. Lo kaMasualle, ukwamemelele intsebenziswano kwiiyunivesithi kunye neekholeji zoqeqesho zeli phondo.
“IiYunivesithi kufanele zibambisane, kwaye zisebenze kunye ukuze ziphucule iphondo leMpuma Koloni kwiinkalo eziliqela.
Urhulumente uzakwenza konke okusemandleni akhe ukuqinisekisa ukuba oku kuba yimpumelelo.” Eli candelo leNzululwazi ngeZempilo (Health Sciences), yifakalthi yokuqala ukusungulwa emva kweminyaka elikhulu kususela oko lasekwayo iziko-mfundo laseFort Hare.
UNokholeji wasekwa ngomhla we-8 kweyoMdumba/ Februwari ngo1916, kwaye ngomhla we-20 kuCanzibe/Meyi, eli ziko lemfundo enomsila lizakubamba imibhiyozo yokufinca iminyaka eli-100 kususela ukuqala kwalo.
Le mibhiyozo kulindeleke izinyaswe nguMongameli welizwe lakwaMzilikazi uRobert Mugabe, uMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma kwakunye noMphathiswa wemfundo ephakamileyo uBlade Nzimande ukubalula abambalwa.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro