Iza kufika ikrismesi sele besonge izandla abadala

Iza kungena kwangoko imali kaSassa

Iza kufika ikrismesi sele besonge izandla abantu abadala kwakunye nabo baxhamla imali yesibonelelo sikarhulumente.

Oku kulandela emva kokuba le arhente, uSASSA, idize ukuba imali yabaxhamli ayizokufumaneka ngomhla wokuqala njengesiqhelo, iza kuqala ukufumaneka ngomhla we28 kule nyanga neza kube iyeyenyanga yoMnga.

Le arhente ithi unobangela wokuba ikhuphe imali yesibonelelo kwangethuba kule nyanga kungokuba ifuna ukukhawulelana naba baxhamlayo kule mali ngokuthi bathenge izinto zekrismesi kuse ngethuba.

Okunye kukubasindisa ekufoleni ixesha elide kwiivenkile nakwiiATM njengoko iza kube sele ilixesha leentsuku ezixakekileyo ezo.

Isithethi sakwaSASSA ePhondweni, uLuzuko Qina, uthi ngaba barhola eposini, ezibhankini nakwiivenkile kuphela abaza kurhola nge28.

“Abantu abangazukuchaphazeleka kolu tshintsho ngabo baqhele ukuyifumana imali yabo kwizitishi zabo emakhaya, akukhonto iza kutshintsha kubo, imali yabo iza kufumaneka njengesiqhelo ngomhla wesibini kuDisemba ukubheka phambili, intlawulo iza kwenzeka ngeentsuku ezahlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo,” utshilo uQina.

UQina uthi ukuhlawulwa kwabantu kwangoko izingabi yonto ibonwa njengebhonasi okanye intlawulo kabini.

“Ngokuchasene namarhe ajikeleza kumaqonga onxibelelwano, awokuba uSASSA uza kukhupha iibhonasi, akunjalo.”

Ingxelo iqhuba ithi isibonelelo senyanga yokuqala ku2020 siza kufumaneka ngosuku lokugqibela kwinyanga kaDisemba 2019.

Le Arhente ikwalumkise uluntu ekubeni lungathabatheki lukholelwe amarhe angengawo. Kwaye uluntu lulumkele lunganikezeli ngezazisi zalo (ID) kwakunye neepini kubantu abangaqondakaliyo.

Xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe ungatsalela abakwaSASSA ku-0800 60 10 11 okanye 043 707 6335