Iza kusibulala impucuko

Kuye kubonakala ukuba xa impucuko ihluma, indlela yokuphila neyokwenza izinto iye ichaphazeleke kanobom.

Xa ke kukho into eguqula ubomi nendlela yabo kuye kunyanzeleke exesheni ukuba kuqulunqwe imithetho yokuziphatha nokusetyenziswa kwale mpucuko ngendlela eyiyo kwaye eyakha uluntu lonke.

Ndisakhumbula ngomnyaka ka1993, urhulumente ethe bhazalala efundisa uluntu oluntsundu ngamalungelo alo, kaloku phambili phaya sasingabantu ababengananzwanga kweli cala lamalungelo, okwethu yayikukwenza intando yegcuntswana elimhlophe kuphela.

Into endayithandayo kwenye yamaphetshana ayequlathe le mfundiso yamalungelo kunye nemfundiso ngokuvota yayiyindawana eyayifundisa ngoxanduva lokubanamalungelo.

Ngokufutshane, yayisithi ekwenzeni izinto eziselungelweni kuwe sukunyhasha awabanye abantu amalungelo, ithi ke lo nto onelungelo ukwanalo noxanduva lokukhathalela nawabanye amalungelo.

Ibiyile ngcingane ke ebekhe yathi qhiwu ingqondo yam xa bendiqwalasela izinto ezininzi ezisengela phantsi isidima somnye umntu zipapashwa kwiminatha yezonxibelelwano.

Ewe kumnandi ngeli xesha ngokuba akusekho sidingo sokuba uhambahambe imigama emide ukuze uncokole nabo basenyongweni kuwe ngenxa yobuchwepheshe beemfonomfono zempucuko kunye nale minatha yezonxibelelwano.

Kukuhle kunjalo baninzi abantu yonke le mpucuko abayisebenzisa ngeendlela ezigwenxa kakhulu.

Siyayazi ukuba mvanje oko igama likaKamva waseMdantsane likwimilebe yethu ngenxa yokuba ekhululisiwe wantswayiziswa esidlangalaleni, kodwa eyona nto yenze amasikizi kukuba lo mboniso wakhe uhanjiswe gabalala kwiminatha namaqonga ezonxibelelwano.

Phambi kweso isigigaba bekukhe kwakho umboniso womama wephondo laseLimpopo, nobecinga yena wenzela i-video call ukhwapheni wakhe, kanti lonke eli xesha khwapheni ndini uyayishicilela yonke le nto.

Nawo ke loo mboniso ubuzalise izitalato zeminatha namaqonga onxibelelwano.

Ndithe ke ndakuba nencoko neziphathamandla zakwa-Film and Publications Board, ndeva ukuba kukho umthetho abawulindileyo ukuba uphunyezwe yiNdlu yoWisomthetho oza kwenza kube lula ukumangalelwa nokubanjwa kwabantu abafumene behambisa imiboniso efana nale.

Noko ke lo mzuzu sisalinde iNdlu yoWisomthetho igqibe ngalo mba, ikhona imithetho ebakhuselayo abo bazifumene iyimifanekiso okanye imiboniso yabo le ijikeleziswayo.

Usakhumbula kukho umboniso womntwana omncinane waseBhayi ezenza amanyundululu?

Ngokomthetho ke wonke umntu othe wafunyaniswa ewusasaza la mboniso angabanjelwa ukusasaza le nto kuthiwa yiChild Pornography (imiboniso yamanyala enabantwana abaneminyaka engaphantsi kweyi18), umntu onokuvulelwa ityala elinobuzaza ngolu hlobo angazibhaqa ethothoza iminyaka elishumi elinesihlanu kwesimnyama isisele.

Ngenxa yokuba ke ungenakuyazi iminyaka yomntu okumboniso wamanyala ungazibona sele usengxakini enkulu, icebo xa uyithunyelwe into ekumila kunjalo yicime ungayibonisi omnye umntu.

Ikhasi ke le-Film and Publications Board linayo indawo apho ungacofa khona ukuze uxele loo mntu ukuthumelela ezi zinto. Ikhasi labo nali, www.fpb.org.za

Okunye ke kwabo bazibone besengxakini yemiboniso yabo ithe bhazalala, uyakwazi ukuvula ityala lokusengela phantsi isidima sakho ngakuloo mntu upapasha ezi zinto.

Eyam ingcebiso ithi sukuwathumela amanyundululu kwisinqandamathe sakho naninina ngokuba awuyazi ukuba ingomso liniphathele ntoni na, bakuphela ubudlelwane phakathi kwenu, ngenxa yomsindo angapapasha loo miboniso wawuyenzele amehlo akhe kuphela.

Ukuba ke awufuni kunqandwa, noko sukuyifaka intloko yakho kumboniso okanye kumfanekiso lowo, ukuze ingabi sacaca nakuthathatha ukuba nguwe lowa mhla yapapashwa.

Kuwe ke upapasha amanyundululu ngenjongo yokuhlaza omnye umntu, zilumkele izenzo zakho ngokuba kungekudala umthetho wokukugibisela kwesimnyama isisele usendleleni.

Masiqiqe, sifundisaneni iindlela zokuphathana nokuhloniphana.