Iza kuthobela okugqitywe yinkundla iOfisi kaMkhwebane mayelana nenyewe kaMabuyane

I-OFISI yoMkhuseli woLuntu ithi iza kuthobela okugqitywe yinkundla yaseBhisho kwiveki ezayo apho iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane izakube ifunze edabini ngamagqwetha ayo ifuna kuhlehliswe ingxelo kaAdv Busisiwe Mkhwebane.

Le ngxelo kaMkhwebane idize ukuba uMabuyane waxhamla ngokufanelekanga iR450 000 kwiR1.1 million yomasipala waseMbizana (osele usaziwa njengeWinnie Madikizela-Mandela ngoku).

Kumaxwebhu enkundla afakwe kwiveki ephelileyo, amagqwetha kaMabuyane afuna ukuba inqunyanyiswe le ngxelo ebhengezwe nguMkhwebane nefumanise ukuba uMabuyane uxhamle ngendlela engafanelekanga kwimali eyayihlelelwe ukuthutha abazili baye kwinkonzo yesikhumbuzo kaWinnie Madikizela-Mandela ngo2018.

Adv. Busisiwe Mkhwebane UMFANEKISO: Bongani Shilubane

UMabuyane uyawaphika la mabango esithi yena wayeboleke le R450 000 kuBabalo Madikizela, osele enguMphathiswa weMisebenzi yoLuntu neZiseko ngoku. Ngela xesha, uMadikizela wayengusomashishini.

Kule veki izayo, ngomhla wamashumi amabini anesithandathu, inkundla yaseBhisho izakube imamele esi sicelo sikaMabuyane.

Kodwa amaxwebhu afakwe enkundleni yiOfisi yoMkhuseli woLuntu ngoMvulo, le Ofisi ithe iza kuthobela umthetho wenkundla ngokumayelana neSigaba sokuQala (Part A) sesicelo sikaMabuyane.

ISigaba seSibini sesicelo sikaMabuyane sesokuba le ngxelo kaMkhwebane idizwe njengekhabanayo noMgaqo Siseko kwanengafanelekanga.

Kuzo zonke ezi zicelo, uMabuyane uzakube exoxelwa zizangxa zezomthetho uTembeka Ngcukaitobi (SC) kwakunye noApla Bodlani.

Oscar Mabuyane Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Kusenjalo, uMabuyane ukwafake amaxwebhu kule nkundla yaseBhisho ngelifuna ukuthintela iiHawks ekumphandeni kwakhona malunga nale nyewe. IiHawks sele zivakalisile ukuba ziza kusiphikisa esi sicelo sikaMabuyane.