Iza kuvulwa kwakhona iposi esedolophini eNgcobo

 Emva kokujongana ngezikhondo zamehlo
phakathi kweziko leenkonzo zeposi kunye noosomashishini baseNgcobo kunye
nabahlali , la maqela afikelele kwisivumelwano esincumisa wonke ubani
obandakanyekayo.

 Oku kungaboni ngasonye kuza emva kokuba iposi
esedolophini yaye yavalwa kungabhungiswanga abantu banyanzeleka ukuba basebenzise
iposi ekwindawo yaseAll Saints.

Ukuvalwa kwale posi kwaphazamisa abantu
abaliqela ekuquka abafundi abangakhange bazifumane ngexesha iileta ezivela
kwizikolo abafake kuzo izicelo, ukuvalwa kwamanzi noqhawuko lombane
koosomashishini ngenxa yokungafumani zilumkiso.

Ukanti nabahlali abasebenzisa iposi
ukufumana nokuthumela imali baphazamiseka kakhulu kukuvalwa kwale posi.

Abanye bachitha imali efikelela kwikhulu
leerandi ukuya nokubuya eposini eAll Saints.

 Kungentsuku zatywalwa ezi ngxaki ziza kuba
yimbali. Kungoku nje iposi esedolophini iyalungiswa, akusekho bantu bazinceda
ngakwibhokisi zeposi, yaye neeleta ezazithe saa ziqoqoshiwe.

 Amagosa avela kwisebe lezoNxibelelwano eRhawutini
kunye nomanejala weeposi eziphantsi kwengingqi yaseMthatha uXola Dlamini,
ephelekwe ngumanejala wakhe uNombulelo Ngubane, azibophelele kwiqumrhu
loosomashishini ngelithi lo mba uza kusonjululwa.

 Elinye lala magosa uBongani Magubane uthi:  ”Sithanda ukucela uxolo kubahlali baseNgcobo
ngophazamiseko abathe balifumana ngenxa yokuvalwa kwale posi, isebe lethu
liyiqaphele le meko, yaye asiyi kulala de sibe sinikeza iinkonzo kubahlali.”

 Unobhala wequmrhu loosomashishini kule
dolophu uMkhanyiseli Tyali uthi: ”Sivuya kakhulu iza kuvulwa le posi, siyabona
kuya setyenzwa, nathi sizimisele ukuncedisa apho singanceda khona ukuqinisekisa
ukuba abantu baseNgcobo bafumana iinkonzo”.

 Amagosa athembisa ngelithi le posi iza
kuqalisa ukunikezela iinkonzo eluntwini ngenyanga yeSilimela.  Iposi yaseAll Saints izakuncedisana nale ukunika
iinkonzo kubahlali baseNgcobo.