IPalamente yeli iza kuvulwa ngokusemthethweni ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yeKhala, lowo ngumhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukubawo uNelson Mandela.
Lo mhla wamiselwa njengomhla weholide waze wabizwa ngokuba yi-International Mandela Day.
Oku kusemva kokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa ethe wamisela lo mhla njengomhla wokuhlala kwendibanise yePalamente kwakunye nebhunga lamaphondo.
Kulindeleke ukuba uRamaphosa adalance ecacisa indima eza kunyathelwa nguRhulumente wakhe ukubheka phambili.
Oku kwenzeka nangona kukho ukungaboni ngasonye kwimibutho ephikisa nombutho weANC malunga nendlela ekuza kulawulwa ngayo ilizwe.
URhulumente wendibanisela wenziwa ngenxa yokuba umbutho weANC awufumananga zivoti zivumayo ukuba ulawule ilizwe wodwa. Ingxaki yeyokuba alidibani ilima elizanywa nguRamaphosa ngenxa yeemfuno ezibekwa etafileni yimibutho efana neDemocratic Alliance (DA).
UMongameli wePatriotic Alliance (PA) uGayton McKenzie uthi uxhalabile linyathelo elithathwa nguRhulumente.
“Ndiyamlumkisa uMongameli Ramaphosa, kanti noluntu loMzantsi Afrika ngokunjalo, ikhona ingxaki ezakuvela kule mbutyumbutyu yale ntsebenziswano,” kutsho uMcKenzie.
Iofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ithi izalanise umhla wokuvulwa kwePalamente kunye nomhla wokukhumbula ukuzalwa kukaMandela ngeenjongo zokuvuselela umdla wabantu.
UNelson Mandela wazalelwa eMqhekezweni eMthatha ngeyeKhala ngo1918, waza kamva wanabela kwihlabathi lezopolitiko.
Ukuvulwa wePalamente kulindeleke ukuba kwandulelwe kukubhengezwa kwamagama abaphatiswa namasebe abaza kusebenza kuwo.
Iingcali zopolitiko kwihlabathi zithi nguqhelekile into yokuba kulibaziseke ukumiselwa kwekhabhinethi xa kuqhutywa uRhulumente wobumbano.
Amazwe amaninzi eYurophu aphila ngokulawula ngobumbano olufana nelo liza kusetyenziswa eMzantsi Afrika.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates