Izakuba senkundleni indoda ebuleleyo eKapa

Kapa:  Izakuvela
kwinkundla kamantyi eBishop Lavis ngoMvulo ozayo indoda eyoyanyaniswa
nesiganeko sokubulawa kwenenekazi lakwaLanga. Usomlomo wamapolisa eNtshona
Koloni uKapteni Fredericks VanWyk, uthi “Yindoda eneminyaka engamashumi amane
anesibini (42) ubudala ebanjwe malunga nesiganeko sokubulawa kwenenekazi
ebelinamashumi amathathu (30) ubudala kwingingqi iZone 26 kwaLanga.”

Nangona okaVanWyk engayichazanga ukuba lo ubanjiweyo ngubani,
 kodwa usapho luthi yindoda eyayihamba no-Unathi
(umfikazi) kunye nesihlobokazi sakhe uBusi ukusuka kwindawo yokuzonwabisa
eMatshayineni. Okungacacanga kukuba umrhanelwa lo ngumalume weqabane likaUnathi
okanye ngumkhaya nje wakhe kusini na.

Wafunyanwa umzimba ka-Unathi ngoMvulo unamanxeba aliqela, amehlo
ekrolonqiwe nelungu lakhe langasese lonzakalisiwe. Usapho lwakhe luvakalise
ukungayamkeli indlela abhubhe ngayo, lusithi  ukuba ebengenguye nomntu othanda ulonwabo
kwaye ebezifikela kweli eNtlanzi.