Izakunika ingqwalasela kulutsha iPAC

KOOMASIPALA ethe yanikwa ithuba lokubakhokela iPAC izakuthi rhoqo ngokunika ingxelo kuluntu ngendima yokuhanjiswa kweenkonzo esele ihanjiwe.

Oku kuthethwe ngumongameli walo mbutho uLuthando Mbinda ngethuba lo mbutho usungula umqulu wezithembiso. UMbinda ugxeke urhulumente okhokeleyo ngelithi wohlulekile ukufezekisa iimfuno zoluntu.

Ukwathe iPAC izakubeka phambili iimfuno zoluntu ezifana nezindlu, imfundo, ezempilo, amanzi kwakunye nokugutyulwa kwelindle.

OkaMbinda uthembise ngelithi, “Kubo bonke oomasipala abaphantsi kwePAC ooceba bazakubamba imihlangano noluntu rhoqo, kumaholo oluntu. Oku kukuqinisekisa abantu ngokwenziwa ngalo malungu bawonyule ukuba abamele kwibhunga.”

Ukwathe lo mbutho ufuna intsebenziswano neminye imibutho yasekuhlaleni, kuquka neenkokeli zemveli.

Ukwathe iPAC isezakugxila kwiphulo lokuqinisekisa ukuba umhlaba ubuyiselwa kubanini bawo. “Ukuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko lokudla, uluntu kufuneka linikwe umhlaba ukuze lizivelisele ukutya. Kwiindawo apho umhlaba uphantsi kweenkokeli zemveli sizakubamba uthethathethwano ukuze siqinisekise ukuba abantu banikwa umhlaba, bavelise ukutya,” utshilo okaMbinda.

Ukwathe lo mbutho uzakudala amathuba engqesho. UMbinda uthe, “Enye yezinto ezingundoqo kumasipala ngamnye ophantsi kwePAC kukudala amathuba emisebenzi. Asizukuvumela inkqubo yokuqeshwa kwabantu phantsi kweenkampani ezishishina ngabasebenzi.”

Ulutsha lizakufumana ingqwalasela eyodwa koomasipala abaphantsi kwePAC. UMbinda uthe lo mbutho uzokwenza konke onako ukutyala kwimveliso yolutsha.

“Sizokwakha iindawo zolonwabo nobugcisa zolutsha. Akukho lutsha lizakushiywa ngasemva nelizakuphela litshaya inyaope okanye liphele lingamaxhoba okuqweqwediswa phambi kwamehlo esizwe.”

Ulebele ngelithi bazakuba neengcaciso koomasipala abaphantsi kwalo mbutho.