Bangamashumi amahlanu anesine abantu abatsha baseKapa abathathe olunye unyawo, ngokuthi baziqalele eyabo indawo yogcino-mali abayibiza ngokuba, yi-Ikamva Investment Holdings (IIH).
Injongo yabo kukususa ikati eziko ngokudala amathuba engqesho kulutsha lwabantsundu, kwanokuphuhlisa iilokishi zabantsundu kwesa sixeko.
Kule nkampani, umntu ngamnye ungene ngemali engangewaka leerandi nekulindeleke ukuba ilungu liyikhuphe rhoqo ngenyanga de ibeyiminyaka emithathu. Le mali ikugcino lwebhanki abayivula bebonke ayihlali mntwini uthile.
Kwincoko neli phephandaba, usihlalo we-Ikamva Investment Holdings, uSaziso Matiwane uthi, baliqela labantu abatsha abaphuma kwiilokishi zaseKapa abaneenjongo zokuzisa uphuhliso kubantu babo.
Esele iphambili nabazakuthi baqale ngayo ilokishi yiKhayelitsha. Uthi nabo bengabantu abamnyama bafune ukuzivavanya kubonwe ukuba nomntu omnyama angakwazi ukuziqalela into eyeyakhe, kwaye eyakuthi ibenkulu.
“Nangona sizibiza ukuba siliqela labantu abatsha, nokweyiphi na iminyaka wamkelekile. Kuba okubalulekileyo kukuba kuphuhle iindawo kwakunye nabantu bethu kuba amaxesha amaninzi zezona zinobutyebi, zinyusa noqoqosho kuba zinamashishini kodwa angade abekwizinga eliphezulu.
Akhona amashishini amaninzi eKhayelitsha kodwa akwindawo ezahlukeneyo kwaye abaninzi bengenalo nolwazi oluphangaleleyo ngeshishini nto leyo ibenza bangakhuli,” utshilo uMatiwane.
Ukanti uthi, abazokujongana neKhayelitsha kuphela, nezinye iilokishi bazakuya kuzo. Eyonanto bazakube beyenza kukuhlohla ulwazi koosomashishini ngohlobo abanakuthi bakhulise ngawo amashishini wabo, nokudala amathuba engqesho kulutsha.
I-IIH, iqale kulo nyanga ngenyanga kaCanzibe nalapho inamalungu anagamashumi amahlanu anesine.
UMatiwane uthi noxa kunjalo uluvo lwalusele luqalile kugxa wabo osele engumsunguli wenkampani uLuvuyo Jongile.
Bonke aba baneendawo ezizezabo abasebenza kuzo nabathi oku kwakuthi kubancede nakule nkampani yabo.
Ukwathe, benze ngako konke ukuba basebenzisane ekusungulweni kwe-IIH kuba bengafuni chaphaza lobuqhophololo kwinkampani obufana nokutshona kwenkampani nemali zabantu.
Eli qela lisebenzisana nesebe lezezindlu laseNtshona Koloni kwakunye noAllan Gray.
I-IIH isungulwe ngempumelelo ngokusesikweni kule veki. UMatiwane uthi nangona nje iye yakhona imiceli mngeni emva kokuba isungulwe kuye kwakho umyalezo obuzula-zula uzibiza ngegama labo ufuna amalungu ukuba akhuphe imali.
Ukanti elo lungu lifuna ukuphuma sele lingaphakathi, lingaphuma nangona kukho imiqathango nesivumelwano esityikitywe ngethuba kusungulwa le nkampani.
Okwangoku amalungu asasebenza ngokuzinikela, esebenzisa izixhobo zawo amaxesha amaninzi, kwaye akukabikho mntu sele efumana umvuzo kuba kusengethuba, kwaye oko sisigqibo abasavumelene ngaso.
abongile.ginya@inl.co.za
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo