Izalathiso ezilahlekisayo

Akukho nto ilahlekisa negqwetha umntu ukodlula izalathiso ezigwenxa nezibhalwe ngokungachanekanga.

Ndikhumbula sihamba nobawo nabantakwethu ndisekwisithuba seminyaka elishumi elinesithandathu, sisiya kumzi ogcina izilwanyana owaziwa ngeSPCA kumangeno ehlathi laseXholorha, hlathi elo liphakathi kwehlathikazi lakwaDontsa ngakuQoboqobo, kunye neentaba zaMathole kweli cala lingaseCumakala.

Sithe xa kanye singena kuloo ndlela isingise kuloo mzi wezilwanyana, nowawubizwa ngabemi baseCumakala ngokuba kusezinjeni, isithuthi sikabawo samiswa yinkothovu yexhego eyayihamba nenkondekazi ekwakubonakala ukuba yinkosikazi yakowayo.

Ekumiseni kwakhe ubawo wavula ifestile yesithuthi esi, ixhego lithethe lenjenje: “Nyana, siyalahleka, kudala sisihla sinyuka kulo mnqantsa usuka ngaseGwiligwili neNgobozana, sifunisa ngomzi wakwaSonkqishe eXholorha. Imini iyaphela sikhangelana nophawu oluza kusikhombisa iXholorha le, kodwa aluveli tu kule ndawo bekuthiwe siza kulubona kuyo.”

Lithe lakugqiba ukuthetha ixhego, ubawo walijonga ntsho emehlweni, emva koko waqwalasela kuthi bonyana bakhe, wanikina intloko, wadanduluka esithi: “Yhini na kodwa ukusokoliswa kwabantu abadala ngolu hlobo, nalapho besokoliswa kukubhalwa kwezalathiso neempawu zeendlela ngohlobo olulahlekisayo? Bawo nomakhulu, nifikile apho benisiya khona, lo mzi niwufunayo ukweli cala siya ngakulo, nigqitha nje kumzi wezilwanyana ezinjeni, nibe senifikile kwabawo uSonkqishe.”

Inkonde ikhangeleke inganeliseki yile nkcazo, yabuza yenjenje: “Xa kunjalo mfana wasemaNgwevini, luphi uphawo oluthi Xholorha?

Nditsho kuba ngoku kufunda kwethu kungagqibelelanga, thina sisabona umbhalo othi Kologha, uncede ungasilahli mfana!”

Ubawo uye wabacacisela abantu abadala ematshekile, edanile, esithi lo Kologha yinto enye noXholorha, nto nje ubhalwe ngokohlobo oluza kubizeka lula kubantu basemzini abathetha lwimi zimbi, ingesiso isiXhosa.

Ixhego likhuzile, latsho lisithi “Camagu Mhlatyana”, kucacile bekuya kuhlwa sibhula sisela, kanti lonke ixesha eli, sikhangela indawo esele siyifumene, nto nje silahlekiswe kukubhalwa kwayo ukuze kwaneliswe bantu bambi!

Mawethu ininzi kwaye iyakhubekisa le ngxaki yokubhalwa kwezalathiso zendlela gwenxa ingakumbi kwiphondo eli leMpuma Kapa.

Ewe kulungile kwaye bubuntu ukubhalwa kwamagama ezalathiso ukuze afundeke kwaye afikeleleke lula nakubantu basemzini, kodwa xa oku kusenzeka kuphele kuxhaphazeka kubetheka abo bantetho isisiXhosa nabaneentsapho ezi kwezo ndawo, noko ke ngoku kuyakhwinisa.

Eyona ngingqi igqame kuyo le nto yokubhalwa kwezalathisi zendlela ukuze zivakale lula kwabo bantetho isisiNgesi, yingingqi yoMda owawuphakathi kweTranskei neCiskei (Border region).

Uya kuthi xa uhamba ngale ndlela isuka kuKomani usingise eMonti, ufumanise ukuba umntu ongakulandeli ncam ukubizelwa kwamagama noonobumba besiNgesi, angaphela elahleka engayiboni indawo aya kuyo, kanti sele efikile.

Umzekelo, umhlaba wamaToyise phakathi kweKatikati neCumakala, walathiswe ngophawo olubhalwe Toise, ize ilali emelene nelo lamaToyise ibe nesalathisi esibhalwe Quanti, sibe ke phofu thina bantu banezizalwane ezihlala apho sisazi le ndawo ibizwa ngokuba kuKwanti.

Xa uqwalasela la magama mabini uToise noQuanti, uye ufumanise ukuba abhalwe ukuze umntu wasemzini angalahlekwa kwaye angaphuncukwa yindlela yokuwabizela nokuwaphimisela.

Ingxaki yoku ke kukuba lowo untetho isisiXhosa, yena angawafunda la magama anike ntsingiselo yimbi, alahleke xa kulapho ke umntu.

Qhubekeka ke ngale ndlela isingise eMonti ugqithe eCumakala, udibana nesalathisi esithi Komga, kanti apho kuthethwa ngeQumrha.

Nakule imeko, kubhalwe uphawu ukuze lufundeke lula kumntu wasemzini, ngeli lixa lowo untetho isiXhosa ebhaduliswa kwiPhondo elinabemi abangamaXhosa abaninzi. Kutheni abanye abantu kunyanzelekile ukuba bacingelwe ngaphezu kwabanye?

IToyise, Kwanti naseQumrha bekuya konakala ntoni xa bezibhalwe ngolu hlobo zibizwa ziphimiselwe ngalo ngamaXhosa kwizalathisi zendlela? Gqitha ke uye kumangaliseka kwelo laseMonti.

Uya kufika apho neendawo ezi kuhlala kuzo abantu abantsundu kuphela zinezalathisi ezibhalwe zalahlekisa ngeyona ndlela imangalisayo.

IGqunube eneentlanga ezahlukileyo ibhalwe yanguGonubie; neNxarhuni yabhalwa yanguNahoon. Andisathethi ke ngeTsholomnqa yamaXhosa angangxengwanga, egqwethwe yanguChalumna olahlekisa ngeyona ndlela ingathethekiyo.

Inokuba bethu ingaphi ingxaki xa sinokucela iziphatha-mandla zisuse uEast London endaweni yakhe kubhalwe iMonti; endaweni kaKing William`s Town kungene iQonce kuquka nezinye iidolophu ezininzi ingakumbi kweli phondo linabantu abaninzi abantetho isisiXhosa.

Masitsho ngazwi linye xa singena ku-2018 ukuba zonke izimbo, iingcinga nemikhwa eneentsika zobukoloniyali siyazichila, kuvuseleleke ezo zinobuXhosa nobuntu bethu, ukuze ngale ndlela nathi sifunde nzulu ngayo kwizizwe zasemzini, nazo zizeke mzekweni, zifunde banzi kuthi nangathi.

Oku kunganegalelo elikhulu kumanyano nakwintsebenziswano emandla phakathi kwezizwe ngezizwe zoMzantsi Afrika.