Izama ukuquma ihlazo iNFP

Umbutho ophikisayo iNational Freedom Party (NFP) uthethana nenkundla yezolonyulo kwiinzame zayo ekubeni sirhoxiswe isigqibo esibhengeziweyo sokuba ayizukungenelela kulonyulo loorhulumente basemakhaya oluzayo kwinyanga yeThupha.

Ingxelo zithi ezi ngxelo zilandele emva kokuba lo mbutho uthe woyisakala ukuhlawula imali ekufanele ukuba ihlawulwa yimibutho yonke yeli ezakuthi ingenelele kulonyulo loorhulumente basemakhaya.

I-NFP bekufanele ukuba ihlawule ngomhla wesibini kule nyanga sikuyo imali engange R92 000 lo mbuto.

Unobhala weNFP kuzwelonke uNhlanhla Khubisa kumajelo eendaba udize ukuba basekwintetha namagqwettha abo alombutho ekubeni kuzanywe ukusonjululwa le nyewe kwakunye noIEC.

“Iye yayimpazamo kunondyebo wethu kuba eye waphazama usuku ebekufanele ukuba uhlawula ngayo kwanokuthumela amagama abagqatswa bethu. Asisoli i-IEC, siyavuma ngenene impazamo yenzeke kulawulo lwethu,” utshilo uKhubisa.

Ukanti kutsha nje inkokeli yalo mbutho uZanele kaMagwaza-Msibi uvele ebanjiwe kubonakala ukuba impilo isenkenenke. Kunyanzeleke ukuba intombi yakhe engumdlali kuZalo uGugu Gumede amthethele.