Izandi ezikhatshwa yimiboniso yezothando kwingoma entsha

UBra Leo noMaxhoseni kwividiyo yengoma yabo entsha

KUSUSELA oko iphumile ingoma kaBra Leo noMaxhoseni ethi Ngeke, kuye kwanyanzeleka ukuba esi sibini siyenze ikhatshwe yividiyo ngenxa yothando nenkxaso eyifumeneyo kubathandi bomculo.

Le ngoma ifumene uthando olungumangaliso kususela ukuvakala kwayo kwizikhululo zikanomathotholo ezikhulu, Ukhozi FM noMhlobo Wenene FM.

Imifanekiso yevidiyo emihle yale ngoma ifotwe ze yahlelwa ngabakwaSlowman Films kunye noZux Figlan.

Inkampani kaMaxhoseni iNine2Five Productions, yiyo eqinisekise ukuba le ngoma iyadlalwa koonomathotholo nakoomabonakude.

UMaxhoseni, inzalelwane yaKuJarha eCofimvaba, waziwa ngendumasi yengoma ethi “Xa uthando luselutsha”.

Igama likaMaxhoseni belikhe lavela naphakathi kwamagama amakhulu kumculo weHipHop afana noReason, uKhuli Chana noPro Kid ngethuba betyunjelwa kwibakala leBest Lyricist of the Year kwiSA Hip Hop Awards.

Le vidiyo iphehlelelwe ngqo kwinkqubo ebhexeshwa nguSlyso kuMhlobo Wenene ngoLwesihlanu we11 kule nyanga.

“Iye yaqala ukwenza ezibukwayo ngethuba ibonwa ngama4000 abantu kwiYouTube kwiintsukwana nje ezimbini ikhutshiwe,” uMaxhoseni weNine2Five ebalisela iphephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Imifanekiso yevidiyo ibonisa ulutsha olunxibe iimpahla zesintu luxhwithana ngentokazi. Kwakule vidiyo kukho uNkosi Bhulube Jongisizwe waseGcuwa.

Zijongele uNgeke kwiYouTube okanye uyifumane kwiivenkile zomnatha ezithengisa umculo.