Izandi zendumiso zitsho eMthatha

UBetusile Mcinga uphehlelela umnyhadala weGospile eMthatha

ZONKE iindlela zabathandi bomculo weGospile zisingise eMthatha kwimpelaveki yomhla wesixhenxe kweyoMsintsi 2019, apho kuza kube kubanjwe uMnyhadala wokuqala woMculo weGospile.

Lo mnyhadala usingathwe yiNduna Event Management kaBetusile Mcinga.

UMcinga uthi lo mnyhadala uzalwa ziikhonsathi zegospile ebeman’ ukuzenza rhoqo ngenyanga yoMsintsi eMthatha.

“Besiman’ ukuphehlelela nje amacwecwe, ngoku sikhethe ukuwubiza iMthatha Gospel Music Festival lo msitho kuba sifuna ukuvulela ezinye iimvumi iqonga eziphuma kwisithili sethu. Sifuna zibonise ngetalente yazo kwaye ngaxeshanye sizinika iqonga lokwabelana neemvumi ezaziwayo ukuze zizuze amava kwaye zizithembe,” kutsho uMcinga encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UMcinga uthi lo mnyhadala uza kuqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ukuya ngeyesithandathu ekuseni uza kudibanisa oosaziwayo kumculo wegospile kwanabo basakhasayo bedumisa kunye eqongeni.

UGqr. Lusanda Mcinga, uSbu Noah, uThinah Zungu, Veliswa Skeyi, Lusanda Beja, Betusile, Abathandwa Musical Group, Mnqweno, Mawetu, Ozayo, Lungelo Hlongwane, uJumbo nabanye abaninzi – baza kutshintshiselana ngeqonga.

“Sibambisene noMasipala weSithili iO.R. Tambo kwicala lokuphuhlisa iimvumi ezisakhasayo. Senze iiodishini saze safumana iimvumi ezintlanu eziza kumela oomasipala bazo neziza kukhwela okokuqala kwiqonga loMnyhadala wolu hlobo,” kutsho uMcinga.

Le mvumi, edume ngentandane yengoma eyaphumelela iSong of the Year kwiCrowns, ethi Zundithwale, ithi kwakulo mnyhadala kuza kubakho amazwi wenkuthazo aphuma kumbhali wencwadi ethi “ I Was Raped and You Were Born” uSicelo Mncube.

UMcinga uthi uPastor Mohamet weKWL uza kube esabelana noluntu ngelizwi likaThixo, ekwathandazela neengxaki ezijamelene noluntu ezifana nempathombi yamanina, udlwengulo nolwaphulomthetho.

“Simema wonke umntu azibandakanye nathi ukuze adumise uThixo nathi nanjengoko sikholelwa ukuthi umthandazo unamandla wokuqhawula naliphina ityathanga,” kuvakalisa uMcinga.

Amatikiti afumaneka eComputicket naseShoprite Checkers ngeR100 ukuze ibe yiR250 iVIP.

simphiwe.freddie@inl.co.za