Izandla zakhe zimenza alale etyile

UZolisile Njara (42) wakwaUnit 1 eMdantsane nophila nokukhubazeka emilenzeni, uqale apha ku2022 ukubona ukuba izandla zakhe zinako ukukhupha okuhle.

UNjara nangona nje ezelwe engakhubazekanga edibene nenkubazeko ebudaleni, uthi ubone kwezi nyanga zimbalwa ukuba uyancomeka kwaye mhle umsebenzi wakhe emva kokubona uluntu luthenga kwaye luthanda nezinto zakhe azenza ngezandla zakhe.

Uthi ivele yammangaza inkxaso esuka eluntwini nangakhange ayilindele ngethuba eqala ukwenza ezi zinto.

Le ndoda iqokelela amaplanga emva koko iwaqhaqhe yenze ngawo okuninzi okufana neenduku, iinqawe, izitulo, amacango, imikhonto, imisimbithi, iimela, iitafile nezinye ezininzi.

UNjara kwanto eyenziwa ngeplanga uyayenza nangona engazange wakuyela sikolweni oku.

“Le nto andiyiyelanga esikolweni bubuchule kum. Akufani nokulala ndingatyanga kulo msebenzi ndiwuqalileyo kuba ndiyakwazi ukuthenga nendikudingayo. Ndaqala kancinci, ngenye intseni ndaqala ndenza inqawa kanti ngamaqalela ndingakhange ndifundiswe mntu,” utshilo uNjarha.

UNjara uzicelela inkxaso kurhulumente kanti nakubani na onokumncedisa ngezixhobo zokusebenza ezifana noomatshini njengoko esebenzisa ihamile nezikhonkwane kuphela. Uthi umsebenzi wakhe ungabamhle nangakumbi xa enokuthi afumane aba matshini bokumncedisa.

Uthi ayifumanayo imali ngokwenza oku yileyo imenza akwazi ukulala etyile nosapho lwakhe.

Eli chule lezandla lisebenzela phambi kwetyotyombe lalo ngakwisitishi sikaloliwe kwaUnit 1 eMdantsane.