Izaphulelo namathuba kwinyanga yezokhenketho

UVuyani Dayimani , Nomkhita Mona, kunye noMphathiswa uMlungisi Mvoko bencokola noonondaba apho kuqaliswa khona inyanga yokukhenketha eKei MouthUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Ukwakhiwa kwale Cape Morgan Conference Centre yayingeyonkcithomali,” uphendule watsho uVuyani Dayimani oyingqonyela yeArhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA) xeshikweni kusungulwa ngokusesikweni inyanga yezokhenketho kweli ziko leenkomfa liseMorgan Bay.

“Sithetha ngoku sekukho umnikelo weR45-Million wokwakha amagumbi okulala aza kungqonga eli holo, kuza kwakhiwa neendawo zokupheka njalo njalo. Izinto ezinje zifuna ukuba uqale wakhe into phambi kokuba uhambe uyokucela uncedo lokuyiphuhlisa. Senze njalo. Lilonke ndithi iza kwanda ibe yindawo enomtsalane le Conference Centre yaseMorgan Bay.” uqhube watsho uDayimani.

Usihlalo omtsha webhodi yeECPTA, uNomkhitha Mona, wamkele iindwendwe ezisuka kumabakala ngamabakala kumashishini ezokhenketho kwakunye noonondaba phambi kokuba athembise ukuba le arhente iza kucwangcisa inkqubo entsha yokuthengisa iphondo leMpuma Koloni kwamanye amazwe.

Emveni koko sive amabali amathathu asuka kwabo bashishina kwezokhenketho. Owokuqala ibe nguVelile Ndlumbini ongumnikazi nomsunguli we-Imonti Tours nobalise ibali lakhe lokuqala ishishini lokuthutha abakhenkethi engenayo nemoto enye. Ulandelwe nguWilliam Ross weMbotyi River Lodge kwicala looLusikisiki obalise ngohambo lokuthengisa indawo yabo kubakhenkethi nokuyenza ibe nomtsalane.

Kuvale uNonkqubela Mayatula weMiarestate Hotel & Spa eseHaga Haga obalise ngokuqhuba ishishini lodidi lokulalisa abantu njengomntu wasetyhini.

Ingqonyela yeECPTA, uDayimani, ukwasebenzise le nkqubo ngokudandalazisa izaphulelo abaza kuzinika abakhenkethi ephondweni kule nyanga.

Ubalule iinkqubo ezifana ne “Double The Fun” – nalapho abakhenkethi bakufumana isaphulelo esingange 50% kwiindawo ezikhethekileyo zokuhlala ephondweni kule nyanga yoMsintsi.

Iinkcukacha ngezi ndawo zinezaphulelo kwakunye neepaki ekungenwa kuzo simahla tyelela * -www.visiteasterncape.co.za. Kukwakho nephulo le “Snap, Tag, Share & Win” apho kumenywa abahlali ukuba bathathe umfanekiso kwiziko lendalo eliphantsi kweECPTA.

Emveni koko umntu afake loo mfanekiso kooFacebook, Instagram nooTwitter ikhatshwa yiHashtag engu #VisitEasternCape no #SnapTagShare – ophumeleleyo uyakufumana isipho sokuzikhupha nezihlobo esixabisa iR20 000.

UMphathiswa wezoqoqosho, isebe eliphethe iECPTA, ephondweni uMlungisi Mvoko uthethe ngokubaluleka kwezokhenketho eMpuma Koloni, esitsho ukuba naye ufuna ukwazi ukuba iindawo zabakhenkethi eMpuma Koloni zakuqaqanjiswa njani “kufuneka kubekho nento esiyenzayo ngeendlela zalapha ephondweni. Siyathetha neli sebe. Ngoba unganazo iindawo zodidi zabakhenkethi kodwa ukuba iindlela eziya khona azikho semgangathweni soze kuyiwe kuzo!”

“Le nyanga yoMsintsi yeyokukhuthaza ukhenketho. Ayonyanga nje ke le ngoba kufuneka siqwalasele nendlela esinokudala amathuba engqesho ngezokhenketho. Koka2017 ezokhenketho zaqhuba kakuhle zidala imisebenzi engaphaya kwama-31 000 kweli. Kukho amathuba engqesho nyani kwezokhenketho. Ngoko ke kufuneka siyinike iliso elibukhali le nkqubo yokuphuhlisa ezokhenketho,” uqhube watsho uMvoko.

Kule veki izayo eli phepha liza kubhala isigxekoncomo seendawo zokhenketho elithe lazityelela eCintsa, Morgan Bay naseKei Mouth.

Ukanti ngomhla we-19 kule yoMsintsi amawonga ezokhenketho alo nyaka aza kubanjelwa eDan’s Lodge eMthatha; apho kwakube kukhethwa abo baphala phambili kwezokhenketho.