Izazi zithi lizakufumaneka ichiza likaGawulayo

Kwiminyaka elishumi ukuya kwishumi elinesihlanu ezayo, inganyangeka intsholongwane kaGawulayo, ngokokutsho kwezazi.

Oku kulandela uphando olwenziwe ngoyinzululwazi, uLusisizwe Khwezi (33) oyinzalelwane yeli phondo leMpuma Koloni.

UKhwezi, ozalelwe kwidolophu yaseKaladokhwe, ungugqirha kwiBhunga lezeNzululwazi nezoPhando (Council for Scientific and Industrial Research), okanye iCSIR ngamafuphi, ePitoli.

Sithetha nje uphezu kwesityalo asasivavanyayo nesinakuthi kwiziphumo zalo sibeligalelo kuluntu loMzantsi Afrika njengoko ingabalichiza lokunyanga intsholongwane kaGawulayo.

Encokolela I’solezwe, uKhwezi uthe: “Ukuze ndibe ndiza necebo lokufumana ichiza elinokuthi libulale nya intsholongwane kagawulayo, ndachukumiseka kukwenyuka kwenani labantu ababhubha ngenxa yokusuleleka yintsholongwane kaGawulayo.”

Le nzululwazi iqale ukuba kwaCSIR kwiminyaka emibini edlulileyo. Uthi uphando lwayo ngumzekelo wokuba kutheni izifundo zenzululwazi zibalulekile nje.

UKhwezi uthi, oku kuye ikwalulo novuyo ukuvelisa into oyaziyo ukuba iyakuthi itshintshe impilo zabantu.

Lo kaKhwezi uthi oku ikwakukubonisa nokuba, ukuba yinzulu-lwazi ayikukuba uhlale eLabhorathri kwaye unxibe iidyasi ezimhlophe.

Uthi amathuba maninzi kuba usengakwazi nokuba uthengise iimveliso ozivelise ngokunokwakho, nto leyo yenza ubomi bubelula.

Uncoma igalelo labazali bakhe kwikhono akulo lobunzululwazi kuba ngabo ababesoloko bemthundeza ngokuba makafunde iincwadi zamabanga aphambili angekafiki kuwo. “Iincwadi zesifundo iBiology ndazibuka ndisemncinci ndingazi nokuba kubethwa abaphi, ndinomdla wemizobo kodwa uthando lwaye lukhula, notata wam endincedisa,” uvale ngelo uKhwezi.