Izazisa eluntwini iUnited Front

Noxa nje bebembalwa abantu abathe bazimasa indibano yombutho i-United Front eKuphumleni eWhittlesea kwiveki ephelileyo, abazimase le ndibano bathe balifumana ithuba lokuva ngokuqulathwe ngulo mbutho.

Iinjongo zendibano yeUnited Front ibikukwazisa ngokubanzi amalungu ayo athe azigqatsela ulonyulo loomasipala kulo nyaka. Abahlali bale ndawo bazikhuphile bezokuphulaphula izithembiso nezithe zathiwa thaca elubala, batsho bavakalisa ukulithemba eli qela litsha.

Batshilo kananjalo ukuba kudala behleli “ebugxwayibeni”, bethenjiswa ngezinto ezingekhoyo liqela elilawaluyo. Abanye batyhole ngelithi, le ndawo nephantsi kwesithili saseHewu, yagqityelwa ukufumana uphuhliso olululo ngexesha loRhulumente wamaphandle.

Bangeze ngelithi idolophana iWhittlesea iphantsi kwemeko yokudodobala ngelixa eyakuKomani iqhubela phambili kwezophuhliso noshishino.

Unobhala weli qela, uKhaya Gwana uthe: “Iqela elilawulayo lahlulakele ukufezekisa iimfuno zabantu. Into ephambili kwabasemagunyeni kukuhlohla ezabo izisu, ngeli xesha abantu bakuthi besajongene nomceli-mngeni oyintlupheko nendlala.”

Wangeze ngelithi alisekho ixesha lezithembiso, kumele kubekho inkqubo ecacileyo yotyalo-mali ukuze kuvuleke amathuba engqesho.

Izithethi zivakalise intlungu yazo yokungakhathalelwa liqela elilawulayo, kwaye bakhankanye ukunqongophala kwezindlu nemisebenzi. Uninzi lolutsha kule ndawo alusebenzi luxhomekeke kwimali yesibonelelo sikaRhulumente, nokuzonwabisa ngodlomdlayo.

Mathathu amalungu eliqela kule ndawo athe atyunjwa, uKhaya Gwana , uAaron Mhlontlo kunye noRhamncwana.

UMhlontlo nowayesakuba yinkokheli yombutho weetitshala iSADTU ephondweni uthe: “Siqinisekile ukuba iqela lethu iUnited Front, liza kuliphumelela emagqabini kulwanyulo lwalo nyaka, kwezi zithili zontathu. Sinenkqubo ecacileyo yokuphuhlisa abantu jikelele. Umceli-mngeni esijonge ukuwususa neengcambu lurhwaphilizo oluqhubekayo lusenziwa zinkokheli eziphethe ulawulo.”