Izele ngokungafanelekanga intolongo yasePollsmoor

Ngamanyundululu anganyamezelekiyo abonwe yikomiti ejongene neentolongo nobulungisa kwintolongo yasePollsmoor ngethuba le komiti ityelele le ntolongo.

Usihlalo wale komiti ePalamente eKapa uDumisani Ximbi uthi iyothusa indlela ezele ngayo intolongo yasePollsmoor.

“Indlela ezele ngayo le ntolongo yenza ukuba kubenzima kakhulu ukuhlala ngokuqhelekileyo kubantu abavalelwe phaya, ngokukodwa kwicala lamanina kwanabo basalindele ukugwetywa,” utshilo uXimbi.

Utyelelo lale komiti lulandela ingxelo yekomishoni kaJaji Edwin Cameron eyayiphanda ngemeko yokuhlala ePollsmoor. Ingxelo yekomishoni kaCameron yanxakamisa uMzantsi Afrika emva kokuba ibhentsise indlela ekumdaka nekungakhuselekanga ngayo ukuhlala kwizisele zasePollsmoor.

“Enye yengxaki eziphambili apha kukuba akukho basebenzi baneleyo bokwenza umsebenzi, ngoko sizakuyalela umkomishina kazwelonke uZach Modise ukuba angenelele ukulungisa lengxaki,” utshilo uXimbi.

Ingxelo yale Jaji ngonyaka ka-2015 yaxelela uMzantsi Afrika ukuba ngenxa yengxinano lamabanjwa osulelana ngezifo ezifana ne HIV/AIDS, isifo sephepha nezinye izifo ezosulelayo.

“Amabanjwa amathathu apha abelana ngebhedi enye nokuba elinye liyagula, elinye aliguli nto leyo yenza ukuba kubelula ukosulelana ngezizifo,” utsho uXimbi.

Umkomishina weentolongo kwiphondo leNtshona Koloni uDelekile Klaas waxelela amajelo endaba ukuba umthamo wentolongo yasePollsmoor ngamashumi amabini amawaka kuphela, kodwa eli nani ligqithise ngamawaka alithoba amawaka kunelo lamkelekileyo.

Inkundla yomgaqosiseko ngonyaka ka 2012 yanyanzela urhulumente weli ukuba athabathe uxanduva ngeengxaki zokwasulelana kwamabanjwa ngezifo entolongweni, ngakumbi umba wengxinano.

“Sikwafumanise ukuba kukho izithuba zemisebenzi ezininzi ekungaqeshwanga bantu kuzo, lonto yenza ukuba umsebenzi ubemkhulu kubasebenzi abathile bazibone bengakwazi ukwenza umsebenzi ngoku kuko,” ucacise watsho uXimbi.

Le komiti ibizele kuyo bonke abakomishinala beenqila zeNtshona Koloni ngelizama ukukhangela iingxaki ezikhoyo nakwezinye intolongo zeli phondo.

“Ezinye iintolongo zeNtshona Koloni zineengxaki ezincinci kakhulu, eyona iphambili kuzo yile yokungabikho kwabasebenzi kube kukho izithuba zemsebenzi,”utsho uXimbi. Uhambisa athi nangona imeko imbi kodwa mhle umsebenzi owenziwa ngamasebe ohlukileyo karhulumente kwiinzame zokunciphisa intlalo yamabanjwa ePollsmoor.

“Sicebise ukuba mabathethe namapolisa, amanye amabanjwa avalelwe phaya kwizikhululo logama kusaqhutywa iphulo lokwandisa iindawo zokuhlala,” utshilo uXimbi.

Le komiti inegunya lokubizela kuyo umphathiswa okanye umkhomishina wezeentolongo xa ibona kukho imfuneko ukuze aphendule ngeengxaki ezikula ntolongo, itshilo ingxelo.