Izenzela igama kwizifundo zezibalo iNobotwe

Yinga Rulashe, Zandile Sulo, Athandwe Ziwele, Likhona Haas nenqununu yabo uMkhululi Mngxekeze kwakunye nootitshalakazi babo.

Inqununu yesikolo saseNobotwe eMdantsane, uMkhululi Mngxekeze, akawuvali umlomo yimincili emva kokuba kuthe kwawongwa abafundi besikolo sakhe abane kuba bethe bagqwesa kukhuphiswano lwezifundo zoBalo.

Abafundi, bebengenele kukhuphiswano lweHorizon Maths oluqhutywa jikelele lisebe lezeMfundo. Aba bafundi nguZandile Sulo owenza uGrade 6, uYinga Rulashe okuGrade7, uAthandwe Ziwele okuGrade 5 kwakunye noLikhona Haas okuGrade 5 – bawongwe eOsner Hotel eMonti, apho bebedibene nezinye izikolo zeli phondo leMpuma Koloni ebezingenele nalo kukhuphiswano.

UMngxekeze uthi okubavuyisa ngamandla kukuba aba bafundi benzele igama elihle esi sikolo sakwaNobotwe.

“ Kuvuya mna, kuvuya ootitshala, wonke umntu esikolweni kuba aba bantwana basenzele igama elihle kwaye nesikolo sethu basibeka phezulu. Ndiyabona nam ukuba bayayithanda iMaths kwaye bangaya kude ngayo,” utshilo uMngxekeze.

Le Nqununu, income intsebenziswano kwanokuzinikela kootitshala abaqinisekisa ngemfundo yabantwana ekwavuyela nokuzimisela kwabafundi bakhe.

Ootitshala abahlohla iziBalo kwesi sikolo nguYanga Damana kwakunye noLinda Nkayi. Esi sikolo sizinze kwaNU 11b eMdantsane kwaye sigqiba iminyaka engamashumi amane sikhona kwinyanga ezayo.