NOXA nje iHamburg iyindawo entle kunene kunxweme lolwandle kumasipala waseNgqushwa, abantu bale ndawo abakaxhamli ngokwaneleyo kubutyebi bayo obutsala abakhenkethi mbombo zone zehlabathi.
Ukusuka kunxweme lolwandle oluhlaziya ubomi ukuya kwintlobo ngeentlobo zeentaka nemithi, imigxobhozo kwakunye nechweba, iHamburg yindawo ezele bubutyebi obunokuxhamlisa iMpuma Koloni ngengeniso yerhafu kushishino lezokhenketho ukuba nje urhulumente ebenokuyiphuhlisa.
IHamburg yasungulwa ngonyaka ka-1857 ziinkumanda zomkhosi wamaJamani namaNgesi. Yathiywa ngeHamburg yaseJamani esisixeko sesibini ngobukhulu esigudle unxweme lolwandle kwela lizwe.
Kunzima ukuthi yidolophu iHamburg yaseNgqushwa, kuphinde kubenzima nokuthi yilali. Igama elilula lokuyichaza kukuba yindawo yezokhenketho (holiday resort).
Izicwangciso zomasipala waseNgqushwa ubambisene norhulumente wephondo kukuba makwakhiwe idolophu ekwiqoqo eliphezulu eHamburg, noxa nje kungecaci ukuba ungaqaliswa nini lo msebenzi. Xa ungena phakathi kule ndawo, uqaphela ukuba ubomi buphilwa ntlantlo-mbini.
Kukho amahlwempu kubekho nezinhanha. Izinhanha, ubuninzi babo ngabantu abamhlophe, banendawo enendlela eziphucukileyo, ezenziwe ngetha logama abantu abamnyama kwiindawo ezifana naseQolweni naseGogogweni benendlela ezenziwe ngamatye (gravel) ezineendonga.
U-Akhona Solwandle waseGogogweni uthi iHamburg yayisaya kubiza inkitha yabakhenkethi ngaphambili. Kodwa ngenxa yolwaphulo-mthetho neendlela ezimbi, abakhenkethi baya besihla ngokuhla. “EHamburg kwakugcwala kuthi qhu ngabakhenkethi abaphuma kwihlabathi jikelele, kodwa oku kuyehla ngoku ngenxa yezinto ezininzi eziquka ubundlobongela bokuqhekezwa kwezindlu zabelungu kwanokusetyenziswa kweziyobisi,” utshilo uSolwandle. USolwandle uthi indlala iyagquba eHamburg, nto leyo arhanela ukuba ingunozala wolwaphulo-mthetho. Indoda yaseQolweni, ezichaze kuphela njengoDlamini, ithi noxa kugqub’ indlala nje eHamburg, bayazidla ngendalo “eteketeke” kule ndawo. “Ulwandle yeyona nto esizidla ngayo apha.” Enye into eyehlisa inani labakhenkethi yindlela embi eyenziwe ngamatye xa usuka ku-R72 usiya eHamburg. Ngethuba I’solezwe lityelele kule ndawo, lidibene nabakhenkethi belungisa imoto yabo egqajukelwe livili.
Umkhenkethi waseJamani uPia Barbato ebekwiqela eligqajukelwe livili. “Sigqajukelwe livili sisendleleni eya eHamburg ngenxa yendlela embi. Kungakuhle xa ingalungiswa le ndlela,” kutsho uBarbato.
USodolophu waseNgqushwa uMnikelo Siwisa, uthi ukufakelwa kwetha kwindlela eya eHamburg kuphantsi kwezicwangciso. Le ndlela izakwenziwa lisebe lezendlela nemisebenzi yoluntu kwaye kulindeleke ukuba iqaliswe kungekudala.“Eyona nto siyifunayo yeyokwakha idolophu esinokuzidla ngayo eHamburg. Lo msebenzi siza kuwenza ngokubambisana norhulumente waseMpuma Koloni,” utshilo uSiwisa, esithi oku kuza kukhweba inkitha yabakhenkethi, kukhulise uqoqosho lwaseNgqushwa nephondo liphela.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi