Izicwangciso zaseAmathole ziza kubekwa elubala

IZICWANGCISO zokuphuhlisa uluntu oluphantsi komasipala wesithili saseAmathole kulindeleke ukuba zibekwe elubala xa obambele njengoSodolophu walo masipala uZibuthe Mnqwazi eza kuba esenza iNtetho ngoBume boMasipala kwiHolo loLuntu eMsobomvu eGcuwa ngomhla weshumi elinesibini (12) kule nyanga yeSilimela. 


Le ntetho (State of the District Address) iza kuqhobosha izicwangciso zokuphuhlisa iindawo zaseAmathole eziquka uMnquma, Mbhashe, Raymond Mhlaba, Ngqushwa, Amahlathi neGreat Kei.