NANJENGAYO nayiphi na intombazana xa iza kutshata, uZahara uzimisele ukunikeza amandla akhe onke kumtshato wakhe nomsasazi kanomathotholo uAmaza Ntshanga, olindeleke ekupheleni kwalo nyaka.
Kwiingxelo zangaphambili kwakudizwe ukuba umtshato wesi sibini ungabanjwa ekuqaleni kwalo nyaka, kodwa le mvumi yeAfro-Pop, egama layo lokwenene inguBulelwa Mkutukana, ithi ibone ukuba mayikhe igxile kumsebenzi wayo phambi kokuba inikeze amandla kolo suku lukhulu.
Kwinyanga ezayo, uZahara uzakuqala ukulungiselela icwecwe lakhe elizayo ze emva koko aqale ukuxakeka ngumtshato wakhe nalo msasazi woMhlobo Wenene FM.
Ethetha nephephandaba I’solezwe kowabo ePhumlani cebu kuhle eMonti, uZahara uth’ uvalo luman’ ukungongoza kodwa sele esithabathile isigqibo sokuba uNtshanga izakuba ngumyeni wakhe.
“Andifuni kuphosisa, kuyoyikeka kona kuba umtshato asiyonto yokuthathwa lula. Umtshato ayikokudyola, uza noxanduva ologqitha ukudyola. Kodwa ke uThixo endikholose ngaye ndiyayazi ukuba uzakundincedisa awusikelele umtshato wam,” utshilo uZahara.
UZahara uthi ukubona abazali bakhe behleli emtshatweni iminyaka engaphaya kwamashumi amane, kumenza aqine naye kobu bomi bakhe butsha buzayo.
“Ezona ngcebiso zomtshato ndiza kuzithatha apha kumama notata, kuba zange ndabona umama egoduka ngenxa yokukhathazwa ngutata. Itshomi katata ngumama, nekamama ngutata. Ndibathanda kuba bakhokelise uThixo phambili kumtshato wabo,” kutsho uZahara.
Le mvumi, neyaziqaqambisa ngengoma ethi Loliwe ngo-2011, ithi ukuba kwicandelo lezoyolo kwakunye noAmaza asiyongxaki. “Into emnandi kukuba sizakuhamba sobabini xa sisiya kwiindawo zethu zempangelo, imisitho yezoyolo.
Abantwana xa betshatile? UZahara uthi yinto elindelekileyo leyo emtshatweni, ngoko ke ayibuzwa nokubuzwa. “Ndiceba ukuba nabantwana xa nditshatile. Ndiza kuhlala nabantwana bam nomyeni wam. Ndikwaceba ukuvula ishishini lam, ndiliqhube endlwini yam nomyeni wam ukuze ndikwazi ukugxila kuxanduva lwam njengomama,” utsho uZahara.
UZahara akadizanga ukuba lakuphuma nini icwecwe azakuqala ukusebenza kulo kwinyanga ezayo.
Usuku lomtshato? UZahara ukhe wathekelela ngelithi mhlawumbi ungabanjwa phaya ngenyanga yoomama, eyeThupha, nangona nje ebengaqinisekanga kodwa kuyabonakala ukuba unyaka mnye ngulo.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV