UNathi Chithelo (32) noAthenkosi Gcambaza (25) bagwetywe ngokudlwengula igqiyazana eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala, logama uAvela Somhlahlo (30) egwetyelwe ukudlwengula inkwenkwana eneminyaka emithathu ze uThobela Khulani (35) wagwetyelwa ukudlwengula owasetyhini ogula ngengqondo.
Ingxelo yesithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali ithi ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kweyoMqungu kulonyaka, ixhoba elineminyaka elishumi elinesibhozo (18) laligoduka lisuka kwisikolo samabanga aphakamileyo iMakukhanye kwingingqi yaKwaNyathi kwisithili saseLusikisiki ngethuba libanjwa nguChithelo noGcambaza.
UTyali uthi bamgrogrise ngemela bemyalela ukuba abalandele ukuya kwindlu eyayisakhiwa. Emva koko batshintshana ngokumdlwengula ngaphambi kokuba babaleke. Ingxelo kaTyali iqhuba ithi emva kokuba kwenzeke oku, walumkisa umntu wokuqala athe wadibana naye endleleni kwaza kwaqokelelwa uluntu lwakhokelela ekubeni kubanjwe aba babini besekule ngingqi baza banikelwa emapoliseni.
Ngexesha lokuxoxwa kwetyala, baliphika ityala uChithelo esithi yintombi yakhe, kunye nomtyholwa wesibini esithi eligqiyazana lavuma ukulala nabo bobabini.
USomhlahlo walivuma ityala lokudlwengula umtshana wakhe xa udade wabo, umama wexhoba, wayengekho ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi ngo-2021 kwikhaya ababehlala kulo kummandla waseNgobozana kwisithili saseLusikisiki.
“Uvumile ukuba wamthembisa ngokumthengela lo mntwana iilekese ukuze angene kwigumbi lakhe apho wamdlwengulela khona. Wabanjwa emva kokuba le nkwenkwana ibike kumama wayo owamsa kwisibhedlele iSt Elizabeth eThuthuzela Care Centre (TCC). Lo mntwana wonzakele kakhulu kangangokuba usebenzisa isixhobo ukuzikhulula,” itshilo ingxelo.
UKhulani naye uye walivuma ityala kulandela ukudibana kwakhe ngeDNA kwityala lokudlwengula owasetyhini ogula ngengqondo nongakwazi ukuthetha ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala ngo-2021 kwingingqi yaseMantlaneni kwisithili saseLusikisiki.
“Ubanjwe emva kokuba lo wasetyhini ebonise umama wakhe into eyenzekileyo kuye ngokukhomba indawo yakhe yangasese. Umama wakhe uye ngoko nangoko ukuyovula ityala wasiwa eSt Elizabeth TCC apho kwathathwa khona iDNA.
“Ixhoba likwazile ukukhomba uKhulani emva kokuba uluntu luqokelele onke amadoda ale lali ngenjongo yokufumana umdlwenguli,” itshilo ingxelo.
Kwityala ngalinye kula uMantyi weNkundla yeNgingqi uZanekhaya Gxarisa uye wavumelana neengxoxo ezenziwe liBambela loMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uJustice Tsala zokuba akukho zizathu zibambekayo zokurhoxa kwisigwebo esisisinyanzelo sobomi entolongweni.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uncome umtshutshisi, abasebenzi beTCC kunye namagosa aphandayo, watsho esithi izigwebo zibonakalisa ngokucacileyo ukuba izicwangciso zeNPA ezijolise eLusikisiki, ebizwa njengekomkhulu lodlwengulo loMzantsi Afrika zithwele iziqhamo ezinqwenelekayo.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo