Iziduko nezizwe ezivele kumawele

Abantwana ababini nabathathu nangaphezulu abazelwe ngamini-nye ngumfazi omnye babizwa ngokuba ngamawele. AmaXhosa ababona aba bantwana njengesona sipho sinqabileyo.

Kuthiwa bathi besandula kuzalwa batyalelwe imithi yemihlontlo apho buthi ubomi babo bujongwe khona ukuba buza kuba njani na.

Kuthiwa aba bantwana impilo yabo ibonwa iyeyempumelelo. Amawele kuthiwa atsityiswa iintanga, atheniswe nezityalo ezifana neembotyi ukuze kuvele indyebo.

Aba bantwana kuthiwa abadadi elwandle kuba kukho inkolelo yokuba baya kutshona.

UTolo noZizi: UTolo lo kuthiwa liwele noZizi bobabini bazalwa nguKhuze, ibali lithi uDlamini ozalwa nguSidwaba; ozalwa nguLufelelwenja; ozalwa nguMhuhu, yena uDlamini uzele uKhuze noSibakhulu; aze yena uKhuze azale amawele uTolo noZizi.

Imvelatanci nguTolo isizamva ibe nguZizi. Aba bantwana kuthiwa phaya ekukhuleni kwabo babethanda ukuxabana. UTolo kuthiwa liwele elalinamandla kakhulu elaliloyisa eli wele linguDlamini.

Ngenxa yeso sizathu uDlamini wayetyiswa kwasemini, ukuze kuthiwe nguDlamini. Omnye lo unguTolo wayesidla ngamandla. UTolo esi sibongo sithi, ‘Dlangamandla’ wasifumana ngenxa yokuba wayephangela uDlamini lo xa kutyiwayo.

UMiya noNdlangisa: UNdlangisa kuthiwa liwele noMiya. OoNdlangisa ngabantu mandulo ababedume ngokulwa ngamalumbu ezimfazweni, kuthiwa le nto ka ‘Thole’, isukela ekuthini xa behlaselwa sisizwe kwakusuka kuthi gqi ithole lenkomo, lize liye ngqo kuloo mkhosi wotshaba.

Utshaba lwaluvele lusabe lujike lusoyika elo thole lenkomo. Kuthiwa bancedwa bobo bugqi ukuze bangenzakaliswa ziintshaba xa babewela uThukela.

UMpondomise noMpondo: UMpondomise noMpondo ngamawele bazalwa yikumkani egama linguNjanya. Imfusi yabo kuthiwa nguXesibe.

Kuthe apha ekukhuleni kwabo aba bantwana, uNjanya wazifumana esengxakini yokungazi ukuba kuya kuthi kulawule eliphi iwele akuba yena efile.

Iwele elikhulu kula mawele yayinguMpondomise, elincinci inguMpondo. Kwizizwe zikaNtu ke iwele lixatyiswe kakhulu akukho kufuneka liliswe.

UNjanya wathi wasila utywala waza wamema isizwe sakhe.

Kuthe phambi kokuba obu tywala buselwe uNjanya wathi kumaphakathi akhe makuzaliswe iingqayi zamasi zisiwe enkundleni.

Enye yabekwa ekhohlo yaza enye yabekwa ekunene. Zakuba iingqayi zigqityiwe ukubekwa uNjanya wathetha ekhomba ezigqayini wathi:

“Ingqayi esekunene yekaMpondomise, ize ingqayi esekhohlo ibe yekaMpondo. Isizwe masizahlule kubini abathanda uMpondomise mabaye kusela kwekaMpondomise. Baze abathanda uMpondo baye kusela kwekaMpondo”.

Iqela elininzi laya kusela kwingqayi kaMpondo laze ibathwana labantu laya kusela kwekaMpondomise. Emva koko wathi uNjanya koonyana bakhe mabathathe loo maqela abo bawenze izizwe zabo, abizwe ngamagama abo.

Oonyana bobabini benza njengoko beyalelwe. Abanye ababalisi bathi aba bantwana baxabana engqina ngesikhumba sengonyama.

Kuthiwa uMpondo owayenguyena umncinci wabulala ingonyama kwaza ngokomthetho kuba engomncinci isikhumba sayo nemihlathi kunye neenzipho zayo kwafuneka azinike uMpondomise, kodwa loo nto akazange ayenze. Kuthiwa uMpondo wemka neqela lakhe ebaleka loo nto.

UKrancolo noGqubusha: Kuthiwa uCirha wasemaMpondomiseni uzele uSabe kuze amawele uKrancolo noGqubusha kuvele uMhaga imfusi.

Kuthiwa imbangi yokuba kuthiwe uMhaga wayeliwele likaSabe kungokuba kuthiwa babefana kakhulu. Loo nto yenza ukuba athi akuvela uMhaga kuthiwe nguSabe.

Kuthi kwakulandela uSabe abantu baqale bathi nqa batsho bathi ngamawele ukwezana, bagqwethe noGqubusha oliwele noKrancolo. Naxa kusinwa emixhentsweni yezici zamaMpondomise kuthiwa uSabe wayethanda ukuxhentsa noMhaga.

UMavuso noLudonga: Aba bantu baphuma kuNgwane ozala uMswazi, ozala uSobhuza, ozala uMalambule, ozala uSidubeko, ozala uNomboni ozala amawele uMavuso noLudonga.

UMavuso kuthiwa liwele elikhulu elathi latshiswa isandla, aze yena uLodonga abe liphahla lasekunene. UMavuso noLudonga kuthiwa bathi baqhekekana bazidalela ezabo izindlu.

UXaba noRhadebe: Kuthiwa umfazi wasemaHlubini ozala uRhadebe uzibule ngamawele. elokuqala ibenguRhadebe laza iwele lesibini yanguXaba.

UXaba warholelwa mhla wazala kuba wayexabile. UXaba kuthiwa akazange alincele ibele. Imbangi yoko kukuba kwathi kuba ingabantwana benkosi kwaqondwa ukuba ebudaleni baya kuthi babangisane ngobukhosi, kwaze ke kwagqitywa ekuthini elinye iwele elinguXaba libulawe.

Uninakhulu wamba ngobusuku waze wenza unomgogwana wengcwaba ecaleni kwegoqo, wamthabatha uXaba waya kumfihla kwisizwe sabaThwa ekuthiwa ngamaThuse apho wahlala wade waba mdala.

Uthe xa ebuyela emaHlubini wabuya ehamba namaNala, amaThuse nesizwe samaSimango.