Izidumbu ezibini zamadoda ngenxa yoomama!

Yinkosikazi enamashumi amathathu anesithathu ubudala (33) yelokishi yaseSisonke kuCentane ejongene netyala lokubulala indoda enamashumi amane anesithathu (43) engumakhelwane wayo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, umrhanelwa uhlabe indoda kanobom kumzimba wayo ongentla apho iye yabhubha kwindawo leyo yexhwayelo.

Oku kwenzeke ngeCawe eSisonke. Kuvakala ukuba umrhanelwa kwakunye nexhoba ngabammelwane kule ndawo. Unobangela wengxabano ebangele ukuba babulalane awude ucace.

Inkosikazi ivelile phambi kweNkundla yamatyala kuCentane ngoMvulo.

Kusenjalo, inkosikazi yaseHumansdorp enamashumi amane anesihlanu (45) ihlabe yabulala isithandwa sayo esinamashumi amathathu anesithandathu (36). Oku kulandela emva kwento ebangelwe sisikhwele.

Ngokwengxelo kaSajini Majola Nkohla, ixhoba lone ngokubuza umrhanelwa malunga nendoda eyayithandana nomrhanelwa ebi tyelele umrhanelwa endlini yayo, iqale apho ingxabano.

UNkohla uthi umrhanelwa waba nomsindo wophula ibhotile wayifaka entloko kwindoda yayo wakugqiba wayikrwitsha.

Ixhoba libhubhele kwisibhedlele saseGeorge. Oku kwenzeke ekuzeni kusa ngeCawa. Inkosikazi ijongene netyala lokubulala.

abongile.ginya@inl.co.za