Izidumbu ngenxa yendubule yendladiya yeANC

UOscar Mabuyane etyetele ikhaya lomfi, eReeston Umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

ZIZIJWILI kumakhaya amabini kwilokishi yaseDice eReeston, eMonti, emva kokubulawa kwamakhosikazi azisokolelayo amabini, ebulawa kwiyelenqe eliphekwe nguceba abamvotelayo nochazwe njengexelegu lendladiya yendubule “esisu side singahluthiyo yimali yorhwaphilizo.”

Amakhosikazi amabini – uNomboniso Twana noNombulelo Mpitimpiti – badutyulwe ngokungenalusini nguMthuthuzeli Matiwane, ongumyeni kuceba weANC wale ndawo uNokulunga Matiwane. Esi sibini sakwaMatiwane sibanjiwe, noxa nje yena uNokulunga ethe wakhululwa ngebheyile.

Isizathu sokubulawa kukaTwana kukuba ucele kuNokulunga ukuba akhe angayikhuphi imali yamawaka amabini eerandi (R2 000), ayikhupha ngesinyanzelo rhoqo ngenyanga kuNokulunga kuba wayezanyelwe itorho ngulo ceba.

UTwana ebesebenza kwinkqubo karhulumente (EPWP) erhola iR3 600 ngenyanga. Kodwa ngenxa yorhwaphilizo lukaNokulunga, uTwana ebegoduka neR1 600 kuphela ngenyanga, ze iR2 000 ishiyeke kuNokulunga. Omnye wabo bebesebenza noNokulunga baxelele I’solezwe ukuba uTwana ucele uNokulunga, esithi uxakekile akazukwazi ukukhupha iR2 000 kwinyanga ephelileyo.

Akakhange avume lo nto uNokulunga, ze wapheka iyelenqe nomyeni wakhe ukuze kubulawe uTwana.

UTwana ebekwaligqirha, ngoko kuphosiswe ngelithi ucelwa ukuba ayokunyanga kwindawo ethile ngaphandle kwaseReeston. Uye wahamba noMpitimpiti okwaligqirha, kanti kulapho uMthuthuzeli aza kubadubula. Ubadubule wabashiya bethe tywaa eWestbank.

Umkhwetha (igqirha elisaqeqeshwayo) kaMpitimpiti, uMasande Thengile, uthi iye yabuhlungu intliziyo yakhe xa ebona uMpitimpiti enenxebakazi lembumbulu entloko nasebusweni. Umntwana kaMpitimpiti, uSisanda, uthi ufuna ubulungisa ngokubhubha kukanina.

“Umama usishiya sisodwa, kuba besingenatata sixhomekeke kuye. Ibuhlungu kakhulu intliziyo yam,” utshilo uSisanda. Inkosikazi ebisebenza noTwana kule projekthi ithi irhola iR1 800 ngenyanga, kodwa ebenika ngesinyanzelo uNokulunga iR100 rhoqo ngonyaka. UNobhala weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, utyelele ikhaya likaTwana noMpitimpiti eyokuvela, ekwadlulisa amazwi ovelwano. “Siyayinyevulela le nto yenzeke kwaba mama, kuba yenzeke egameni leANC.

Igwenxa le nto yenzeke apha, kuba igqwalisa igama leANC futhi iyakhabana nomgaqo-siseko wombutho. “Imbi into yokuba abantu bakuthi bathi berhola imali encinane, babe kufuneka beyikhuphe kuceba orholiswayo imali evakalayo ngumasipala,” utshilo uMabuyane. Ngenxa yesi sihelegu, amanye amakhosikazi asebenza kule projekthi ye-EPWP athi oyikisela ubomi babo. “Siyoyika, sicela amapolisa asikhusele,” batshilo kuMphathiswa wezoKhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana, obeyinxalenye negqiza likaMabuyane.

Umngcwabo kaMpitimpiti uzakuqhutywa ngomhla wesithoba kule nyanga, logama ubungekacaci okaTwana.

Umasipala waseBuffalo City uzakunikeza inkxaso kule mingcwabo.