IMVULA edale iimpuphuma kwiSithili seChris Hani isube imiphefumlo yabantu abathathu ukususela ngoLwesihlanu.
Amapolisa athi ngoMgqibelo kubhaqwe umzimba wenina elingaziwayo eliqikelelwa kuma40 eminyaka ubudala kwiSitalato iOwen ngakuMlambo iKomani.
“Umfi akakafaniswa, kwaye kuvulwe ityala,” kutsho uCol Priscilla Naidu.
UNaidu uthi kwesinye isiganeko, amadoda amabini aseCofimvaba arhaxwe kuMlambo iQumanco ngoLwesihlanu. Esi siganeko sibikwe ngoMgqibelo emapoliseni.
Kufunyenwe umzimba wendoda ekuma58 eminyaka ubudala ngelixa ixhoba lesibini lingekafumaneki.
“Ukukhangelwa kwexhoba lesibini kuza kuqhubeka namhlanje. Kuvulwe uphando ngesi siganeko,” kutsho uCol Naidu.
Amapolisa amemelela nakubani na ophulukene nesalamane kwezi mpuphuma ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane ukuze abe nokufanisa kuloo mizimba.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya