Izidumbu ziqungquluze kwiindawo ezohlukeneyo!

Umfanekiso : Oselugcinweni
IXHEGO elinamashumi asixhenxe anesithandathu, umama onamashumi amahlanu anesithandathu nobencuma neli xhego, kwakunye nendoda enamashumi amathandathu anesithathu ubudala, badutyulwe babhubha , kodwa kwiindawo ezahlukeneyo.
Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Dineo Koena, kummandla waseO.R.Tambo, indoda enamashumi amathandathu anesithathu ibulewe isemzini wayo eMqhekezweni kude kufuphi naseBityi ngoLwesithathu emva kwentsimbi yesibhozo ngorhatya.

UKoena uthi ingxelo abayifumeneyo yeyokuba ixhoba kwakunye nenkosikazi yalo beve izithonga zompu, emva koko babona imbumbulu ingena ngefesitile egumbini labo lokulala.
“Emva koko kungene amadoda amabini angaziwayo emva kokukhaba ucango ngenkani angqala kule ndoda ayidubula  emva koko ayigqibezela ngemela kumzimba wayo ongentla.
Ixhoba liye loyisakala kumanxeba labhubha kwindawo leyo belihlatyelwa kuyo,”  utshilo uKoena.
Izixhobo ezo bebezisebenzisa abarhanelwa bazishiye kwindawo  leyo yexhwayelo. 

Onolwazi uyabongozwa atsalele ocupha ngeli tyala uKenel Nceba Mshiyo ku:0714752292 okanye ku10111.
Kusenjalo, kwakobu busuku ixhego, 76, kwakunye nomama belincuma naye, 56, bona badutyulwe kwilali yakuGwatyu eMvezo emva kwentsimbi yesibhozo ngorhatya.
UKoena uthi esi sibini besingqengqile egumbini laso lokuphumla ngethuba amadoda amabini ekhaba ucango engena abadubula bobabini babhubha.

 
Nakwesi isehlo unobangela wokubulawa kwabo awukaziwa, usaphandwa.
Onokubanolwazi uyabongozwa atsalele amapolisa ku10111 okanye uKapteni Mshumi ku0824420585 igama lakhe lakukhuseleka.
“Siyakukhalimela sikugxeka ukubulawa kwabantu kabuhlungu. Sikwabongoza nabani na onolwazi ancedisane namapolisa ngolwazi nangeenkcukacha. Igama lakhe lakukhuseleka,” itshilo iNkumanda yengingqi uNjengele David Kanuka.