Izidumbu zompu ezilishumi

Abantu abalishumi babulewe ngokungenalusini kubusuku bayizolo kwisithili seOR Tambo.

Kwisiganeko sokuqala, malunga nentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, abarhanelwa abangaziwayo bangene kumzi okwilali iThantseka baze badubula babulala inina elinama62 eminyaka ubudala nomzukulwana walo oyinkwenkwe one13 leminyaka ubudala.

Amapolisa athi abarhanelwa baye baqhubekeka besiya kwindlu yesibini, apho badubule babulala inina elinama44 ubudala neliyintombi kwixhoba.

“Unobangela woluhlaselo awukaziwa okwangoku,” kutsho uBrigadier Tembinkosi Kinana.

Kwesinye isiganeko, ebusuku phambi kweyeshumi elinesibini, indoda engaziwayo kuthiwa ingene kurontawuli okwilali iQunu, yaze yathulula ngeembumbulu kubantu abasixhenxe (amadoda amane namabhinqa amathathu) aphakathi kwe32 nama46 eminyaka ubudala.

“Bonke aba basixhenxe baye babhubha. Unobangela wesi siganeko usaphandwa. Akukaqinisekiswa ke ukuba ezi ziganeko zozibini zoyamene kusinina,” kutsho uKinana.

Amapolisa asesezithendeni zabarhanelwa bezi ziganeko zozibini.

Amapolisa acela onokubanolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba aqhagamshelane neNkumanda yeStishi saseBityi, Lt Col Lindile Maqungwana kwa: 079 696 0708.