Izifundiswa azenzi, ziyathetha

Kwiphepha lakuthi langeCawe, iSunday Independent, bekukho isibhalo sikaNjingalwazi Xolela Mangcu. Inzalelwano yalapha ephondweni exelenga pha kwiYunivesithi yaseKapa.

Kweso sibhalo uMangcu ebekhalaza ngabafundi abantsundu abasuke bamhesha kwiingxoxo ezingocalucalulo nobuhlanga phaya kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni. Uthe asakuzama ukubanqanda ngesiXhosa babhoka abafundi bathi makayeke ukuthethelela abelungu kwaye makayeke ukuzenza utata wabo.

Emva koko abafundi abo bantsundu baye bakhwela bezehlela kwizifundiswa ezimhlophe ebezigcwalise igumbi. Umxholo ibekokokuba kwiiyunivesithi kugcwele abantu abafunde kakhulu nabacikoza kamnandi ngeengxaki ezingqonge abemi beli. Kodwa nkqi ukwenza kwa nto ngolo lwazi.

Khawube nomfanekiso-ngqondweni wencoko enjalo iqhubeka apha ephondweni kubhekiswa koonjingalwazi balapha eMpuma Koloni. Bekunokuthini?

Isizathu sokuba siyizise apha ephondweni le ngxoxo kungenxa yokuba zinqabile iinkqubo eziqhutywa zizifundiswa zeli phondo. Kwaye nabafundi balapha ephondweni bona babhuqwa ziingxaki zendlala nemali. Abakafikeleli kwinqanaba lokulwela utshintsho lwezinto abazifundiswa esikolweni. Sibe nenyhweba yokutyelelwa nguGqirha Julius Garvey, ongunyana kaMarcus Garvey wodumo, phaya eQonce.

Uthethe wade wakhwela ezehlela nakwimbali yabantu abantsundu nezinto ezifundiswa kwiindawo ezifana neFort Hare. Umzekelo: kunzima nokuba abafundi basephondweni bangene kumxholo wokutshintshwa kwegama laseFort Hare. Ngokuva kwethu yinto elula gqitha le; ifuna nje ukuba abafundi nezithwalandwe zaphaya zigcwalise uxwebhu, zidwelise amagama azo, ziyise kwikomiti yamagama eeyunivesithi.

Le nto yezifundiswa ezingakwazi ukuphakama ziyokwenza izinto ezi baziphandileyo kwiiyunivesithi neekholeji yenye yezinto ezakusibetha. Iingxaki bayazazi. Baxinge phi? Mabaphakame nabo.