Yimali ekwizigidi ezithandathu eza kuchithwa yiPalamente kazwelonke yeli kumalungiselelo entetho yobume besizwe eza kwenziwa ngomso umhla we6 nguMongameli uCyril Ramaphosa.
Le nkcitho ichaphazele iindleko zemini yokwenziwa kwale ntetho kuquka nezo zilandela le mini, eziquka indibano yokubuzwa kwale ntetho ngamalungu ePalamente.
Othethe egameni lezonxibelelwano ePalamente, uXolile George uthi le nkcitho ihambelana ncakasana neyonyaka ophelileyo. “Kunyaka ophelileyo besichithe imali ekwizigidi ezithandathu nakulo ke unyaka kuza kuba njalo, siza kuchitha izigidi ezithandathu kulo msebenzi,” kutsho uGeorge.
UMongameli uJacob Zuma, Thabo Mbeki kwakunye noKgalema Motlanthe balindelekile ukuba babeyinxalenye yale ntetho. Le ntetho iza kuqala ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwiholo yedolophu yaseKapa ngomso, ngoLwesine. Emva kokutsha kwezakhiwa zePalamente yeli, le ntetho yaqala ukuqhutyelwa kweli holo.
Kulindeleke ukuba uRamaphosa athethe ngomcimbo weNational Health Insurance, DRC, intswela ngqesho, ulwaphulomthetho, neenzame zakhe zokulwa ubuqhophololo. Ukusukela ngonyaka ka2019, uRamaphosa wathembisa ngokulwa iingxaki zobuqhophololo kweli.
“Sinethemba lokuba yonke inkcitho esiyenzileyo apha iza kufikelela kuzo zonke izinto esizidingayo ukuze le ntetho yalo nyaka ibeyimpumelelo,” kutsho uGeorge.
Umcimbi wokwenziwa kwentetho yobume besizwe ikwanika ithuba kumalungu ePalamente ukuba abonakalise kangangoko izinxibo zawo zakwanokutsho.
Kukwalindeleke ukuhla kwengxoko ehlala isenziwa nguJulius Malema neqela lakhe le’Economic Freedom Fighters.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro