Izigidi kwiidolophu ezincinane

USakhumzi Somyo negqiza lakhe kuhlahlo lwabiwo-mali eBhisho

ZIIDOLOPHU ezincinane ezilithoba zephondo leMpuma Koloni ekulindeleke ukuba zixhamle kwinkqubo yophuhliso ekulindeleke ukuba itshintshe imbonakalo yazo ngokokutsho kukaMphathiswa wezezimali uSakhumzi Somyo eBhisho izolo.

USomyo, obesenza intetho ngohlahlo lwabiwo-mali lwephondo, ubhengeze imali ekwizigidi ezingamakhulu amabini aneshumi zeerandi (R210.1 million) yonyaka-mali ka2018/19 neza kujongana nophuhliso lwezi dolophu zincinane. Ezi dolophu yiSajonisi, Mount Fletcher, eMaXesibeni (Mount Ayliff), Dikeni, Kirkwood, Libode, Ntabankulu, Mbizana neNgqeleni.

“Le mali yeyokujongana nokuvuselelwa nokwakhiwa kweziseko zamanzi, ugutyulo-lindle kwanombane kwezi dolophu. Le mali (R210.1 million) kulindeleke ukuba yonyuke iye kwi498.7 yezigidi zeerandi ebudeni bonyaka-mali ,” utshilo uSomyo.

Imali eyabelwe iphondo kunyaka-mali ka2018/19 ikwiR78.4 yeebhiliyoni, into ethetha ukuba yonyuke ngeebhiliyoni ezine zeerandi kuna xa kuthelekiswa neR74.4 yeebhiliyoni ka2017/18.

Njengoko bekulindelekile, isebe lezemfundo lilo elixhamle ngokuphezulu emva kokufumana iR34.7 yeebhiliyoni, lilandelwa lelezempilo ngeR23.7 yeebhiliyoni ze elezothutho lakwindawo yesithathu ngeR4.8 yeebhiliyoni.

Kwezemfundo uSomyo uthe: “Kweli phondo abantwana abayi-1.6 yezigidi kwimfundo esisiseko bayaxhamla kwisibonelelo senkqubo yokutyiswa kwabantwana. Lo nto yenza ukuba abantwana bahlale ixesha elide kumagumbi okufundela kuba iphango yinto yezolo.”

Kwezempilo, uSomyo uthe yimali ekwi678 yezigidi zeerandi ebekelwe bucala ukuqubisana nomngeni wokunqongophala kwabasebenzi kwizibhedlele ezikwishumi elinesibhozo eMpuma Koloni. Oku kunqongophala, ngokokutsho kukaSomyo, kubangela ukuba isebe lezempilo “libesisigculelo” sokutyatyulwa imali ngabo bakhalazela unyango olugwenxa ezibhedlele.

Kwezothutho, uSomyo uthe kuza kubekelwa bucala imali yokunika inkxaso kwiinkampani zeebhasi ezifana noMayibuye, Algoa neAB 350. “Uninzi loluntu lwakuthi lusebenzisa ezi bhasi. Sityala le mali, [ekwiR502.1 yezigidi zeerandi], ukuze amaxabiso okusebenzisa ezi bhasi afikeleleke kubantu bakuthi,” utshilo uSomyo.

USomyo ukwakhuthaze abantu beli phondo ukuba bayikhenkethe iMpuma Koloni. “Ubuhle bendalo kweli phondo lethu bungummangaliso, masilukhuthaze uluntu lukhenkethe apha ngaphakathi ephondweni.”

Kumba wokwenziwa kweendlela eziya ezilalini, uSomyo ubhengeze iR2.2 yeebhiliyoni watsho ebalula ukuba le mali iza kusetyenziswa ekwakhiweni kweendlela eziquka eya eLitheni Coal Mine, indlela uR72 eya eHamburg (Ngqushwa), indlela eya kwisibhedlele iMlamli, eya kwisibhedlele iSiphethu, eya eDwesa, esuka eCederville isiya eMvenyane, esuka kuCofimvaba isiya eAsketon kwanesuka eCoffee Bay isiya kwisibhedlele iZithulele.