Izigidi zeerandi kumnyhadala wetolofiya

YIMALI ebalelwa kwizigidi ngezigidi zeerandi ebekelwe bucala lisebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni ukuxhasa umnyhadala obanjelwa eTinarha iPrickly Pear Festival.

Itolofiya, iPrickly Pear ngesiNgesi, ikhula ngendlela emangalisayo eTinarha kwaye uluntu lwale dolophu luyaxhamla kuqoqosho lwetolofiya.

KwiPrickly Pear Festival, ebekungekacaci ukuba iza kubanjwa nini eTinarha, kuye konwatywe ngomculo, oonobuhle, ukhuphiswano ngokupheka, iimoto ezibaleka ngesantya esixhomisa amehlo nokunye.

Iinjongo zalo mnyhadala kukukhulisa ingxowa-mali yokugcina amaziko embali (museums) amathathu aseTinarha esemgangathweni.

Kwintetho malunga nomgaqonkqubo wesebe lakhe kwiveki ephelileyo, uMphathiswa uPemmy Majodina uthi lo mnyhadala waseTinarha liqonga lokukhuthaza ukwakhiwa kwesizwe kwakunye nobunye.

Noxa nje bekungekacaci ukuba yimalini ncakasana eza kutyalwa lisebe kulo mnyhadala, kodwa uMajodina uvakalise ukuba imali engaphaya kwezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7.7 million) ibekelwe bucala ukujongana namaziko okugcinwa kwembali (museum) kweli leMpuma Koloni kunyakamali ka2018/19.

“Isebe liza kusebenzisana nebhodi yeziko lembali (museum) yaseTinarha ukuphakamisa igama lalo mnyhadala ngenyanga yenkululeko uTshazimpuzi ka2018,” utshilo uMajodina.

Itolofiya sisiqhamo esimuncu-buncasa, maxa wambi sibencasa egqibeleleyo. Siyonwabeleka xa usitya noxa nje siye sisokolise ngokuthi sifune ukukhuhlwa ufazane lwameva phambi kokuba usitye.

Ngokwentetho yasezilalini, kukho itolofiya yesilungu (leyo ineziqhamo ezikhulu futhi ezinameva angephi iphinde ibenamanzi anencasa) kuphinde kubekho leyo yesiXhosa (leyo encinane ngokweziqhamo, imuncu-buncasa iphinde ibenameva

aliqela.

USinazo Ntsonge weYunivesithi iRhodes phantsi kwezifundo zezoqoqosho nolondolozo-ndalo kunyaka ophelileyo wenze uphando-sifundo ngendlela uluntu lwaseTinarha oluthi lwenze intshukumo kuqoqosho lwabo ngokuvuna, ukuthutha nokuthengisa itolofiya.

Ngokophando-sifundo lukaNtsonge, abantu abavuna itolofiya eTinarha bayakwazi ukwenza imali engangewaka leerandi (R1 000) ngenyanga, ze abo bayithengisayo

benze imali ekwiwaka elinesiqingatha (R1 500) ngenyanga, logama abo bayithuthayo besenza imali ephakathi kwamashumi asibhozo eerandi (R80) ukuya kumakhulu amane anamashumi asibhozo (R480) ngosuku.