Izigidi zeerandi ukulungiselela imibhiyozo yobomi buka-OR Tambo

UMphathiswa wezezimali eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo, ongowesithathu ukusuka ekhohlo wenze intetho yohlahlo lwabiwo-mali eBhisho.

 

Urhulumente waseMpuma Koloni uphumeze imali ekwizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu zeerandi ukulungiselela imibhiyozo yekhulu leminyaka ngobomi beqhawe lomzabalazo uOliver Reginald Tambo.

 

Ukuba ebesaphila, uTambo ebezakuba neminyaka elikhulu kulo nyaka nanjengoko wazalwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo-1917,  ze wabhubha ngomhla wamashumi amabini anesibini kuTshazimpuzi ka-1993.

 

UTambo, oyena mongameli weANC wakhe waxhuzula imikhala yolawulo ixesha elide, wazalelwa kwilali yaseNkantolo eMbizana.

 

Esenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali eBhisho ngoLwesine, uMphathiswa wesebe lezezimali eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo, uthi le mali yeyokubamba iinkonzo zesikhumbuzo, iinkomfa ngembali kaTambo, umdyarho weembali egameni likaTambo, umnyhadala womculo weekwayara egameni likaTambo kwanokulungiswa kwendlela eya eNkantolo.

 

INkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle uvakalise ukuba indlela eya kwilali kaTambo iyenziwa, ngethuba esenza intetho malunga nobume bephondo eBhisho kutshanje.  

 

USekela Mongameli weANC uCyril Ramaphosa wabhengeza, ngethuba ethetha eMthatha ekuqaleni kulo nyaka, ukuba imibhiyozo yekhulu leminyaka yobomi bukaTambo kufuneka ibanjwe kufuphi nekhaya lesi siswenye eMbizana. 

Attachments area