Ukuthengwa kwezixhobo ezitsha zokusebenza ngumasipala waseLukhanji kuzakuguqula indlela asebenza ngayo lo masipala kwiinkqubo zokugqithiswa kweenkonzo.
Oku kuthethwe ngusodolophu walo masipala uNozibele Makhanda ngethuba ekudliwanondlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.
Lo masipala ugalele imali ekwishumi elinesihlanu lezigidi zeerandi ukuthenga iiloli zokuchola inkunkuma kwanezinye izixhobo.
“Zimbini ezifikileyo ngoku sithethayo silindele ezinye ezimbini ekulindeleke ukuba zifike ngenyanga yeSilimela, kukho nezinye ezimbini zokunyuka epalini zokulungisa umbane,” ucacise watsho uMakhanda.
Lo sodolophu uthi eyona ngxaki iphambili yomasipala wakhe ibiziloli ezindala ezingekho mgangathweni. “Ezi besisebenza ngazo bezindala, bezisonakala zishiye inkunkuma endleleni okanye zithathe ixesha ukufika kwindawo ekumele ukuba zithathe khona inkunkuma,” utshilo.
Ingxelo kasodolophu ithi, ukuthengwa kwezi zixhobo kubanjezelwe ziinkqubo zangaphakathi kurhulumente. “Inde kakhulu inkqubo elandelwayo apha kurhulumente xa kuthengwa izinto ezinkulu ezifana neeloli zokusebenza, lo nto yenze ukuba kubekukona zifumanekayo, ayinanto yokwenza nolonyulo yonke le nto,” uthethe watsho uMakhanda.
Ilokishi yakwaMlungisi yenye yeendawo ebezinenkunkuma engathathwano ehlala ixesha elide, lo gama ingingqi yaseTop Town ineengxaki zombane ongekhoyo kwezinye zezitalato. “Ndinethemba lokuba ngoku xa kukho ingxaki sizakukhawuleza ukusabela, umzekelo xa kukho umbane omnkileyo kuzakukhawuleza nokuthathwa kwenkunkuma ngokunjalo,” utsho uMakhanda.
Zizakucoceka izitalato zaseLukhanji ngenxa yoku.
Umasipala waseLukhanji wenziwa yidolophu yaseKomani, Whittlesea, Linge naseZibeleni. Oyimanejala yalo masipala uNolwandle Gqiba uthi, ezi zixhobo aziyonxalenye yomasipala wendibanisela ezayo nozakubizwa ngegama lika-Enoch Mgijima.
“Oku akunanto yokwenza nomasipala omtsha ozayo, ezi izixhobo zizakujongana ncakasana nomasipala waseLukhanji,” utshilo uGqiba. Le ngxelo ithi, iiloli zokuthutha inkunkuma zalo masipala zagqityelwa ukuthengwa ngonyaka ka 2010.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!