Izigulo zovoto!

Maninganyukelwa zibilini yile mibutho ingaka ivelayo; zizimbo zovoto. Kambe ke asimibutho mitsha le, isekwayila mibutho siyaziyo. Ukutshintsha komntu igama akumenzi mntu wumbi.

Umntu angawutshintsha umbutho, okanye amise mbutho wumbi, kodwa yena ngokunokwakhe uhlala engulowa mntu ebenguye. Ukuguquka komntu emikhubeni yakhe asinto inokudaleka ngokutshintsha ibandla, koko yinkqubo ekufuneka ilungise ingqondo.

Akukho kwanto intsha kwezi zithembiso, isekwazeziya zantlandlolo. Abaninizo sele beyintanga yokubizwa ngokuba ngamaxoki asoloko ehlelele ukuthetha into angazu kuyenza.

Imibutho ephikisayo icinga ukuba lo uphetheyo awufuni kuzifeza wona iimfuno zoluntu ukuze uhlale uselulawulweni?

Uyafuna kuba iivoti zoluntu uyazifuna, koko ubhidwa yinja ukungavuthwa. Ezi nto ithembisa ukuba yona iza kuzenza ngokulula isakuba sezintanjeni iza kubuye ixakwe kwazizo.

Le mikhuba yongamele aba baphetheyo ngoku asiyonxalenye yemigaqo yayo, ukutsho oko asimikhuba yombutho koko yeyabantu. Aba bantu basithembisa ilizwe elibaleka amasi nobusi ikwangabaya bohlulwe kukwenza kwaoko kwixa elidlulileyo.

Umntu oqhekeza umbutho nokuba libandla, aze ajike aliphathe ngokwakhe elo hlelo lakube lizimele, lowo mntu ukhonza isisu sakhe.

Phantse onke la maqhekeko akhokelwa ngabaphembeleli bawo, ukutsho oko akukukhonza isisu. Aba bantu abakhathali nokuba bafumene izihlalo ezingaphi na, nje ukuba bona bangene ePalamente kwanele.

Umbutho onesihlalo esinye ePalamente unafuthe lini? Alikho! Kufuneka uhambe usenza indibanisela nabanye oononye noonombini, ndibanisela ezo zibuya zibe nezazo iingxaki.

Umntu uthi akutyunjelwa isikhundla esithile ahambe ekhankasa ukuba makavotelwe. Asifumane isikhundla emva kovoto ukuba akhonze isizwe ngaso, oyisakale okanye aphambuke.

Akoyisakala okanye aphambuke uyalulekwa ze iziphumo zoluleko zibe kukuba asihluthwe isikhundla ngumbutho, sinikwe wumbi. Akusihluthwa uyapoqa ayokumisa hlelo limbi.

Nalapho kwelo hlelo afike akhankase esithi makavotelwe uza kwenza le naleya. Khwe! Sibhanxeke okuyintoni ukuba sibuye silandele lowo mntu?

Sinabantu ababesichithela ngelindle ndiseseKapa, besithi balwa impathombi.

Abantu ekwakufuneka uthi ukuba udibana nabo ukhawuleze uqwalasele emthwalweni wabo, ukuze uthi ukuba uyakrokra ukuba yimpahla yasese ukhawuleze uzichithe iintente ukuze ungachatshazelwa zizibi. Kwa-abo bantu banye bathe bakujingiselwa inqatha ziintshaba zabo babuya badla sithebeni sinye nazo, balibala ukuba ikwazizo ezazingunobangela wokuba babe ziintwalabulongwe.

Lakunquma elo nqatha bayaphinda bayazichitha iintente baya kuzigxumeka ndaweni yimbi. Nalapho bafika bafune ukuphinda bathenjwe sithi. Khwe! Sibhanxeke okuyintoni na zinkosi?

Andiyazi mingaphi imibutho ebikumqulu wovoto walo nyaka; ibingangam ndimi ngeenyawo! Ucinga ukuba ingako nje ke ilungiselelwe ukunceda mna nawe?

Hayi, chith’ udliwe, ilungiselelwe iinkokeli zayo nabasondele kuzo. Mna nawe siphelele kwezi zikipa sizinikwayo ukuba siyotatsalaza ngazo ezitalatweni nasemabaleni siqhwabela aba bantu, zikipa ezo zisuka zitwebeke umqala ulingane namanqe.

Xa kuthiwa nasi isimanga nesehlo abantu abaya kukhunga umkhuhlane banxiba izambatho zemibutho yabo, babize oonondaba ukuze babonwe ngosentshona nangosempuma.

Ukuba ucinga ukuba oko kwenzelwa impilontle yoluntu okanye kuphuma kwisazela esiphilileyo chith’ udliwe. Kudala zisehla izinto sikho, sizikhongozela ngobukrakra bazo, siyabazi ke ngoko abantu abakhuza ngokwenene, abanjengaba bepolitiki.

Kazi yidemokhrasi na ke okanye kukunqongophala kozinzo? Kazi yipolitiki na okanye lurhwebo? Kazi lidabi lobuthandazwe na okanye lelezisu? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.