Izigxeko nezincomo ngomzobo ongoZuma

UMBHALI kwakunye nomzobi uNjingalwazi uPitika Ntuli uthi noxa nje engenagxeke ngomzobo ka-Ayanda Mabulu obanakalisa uMongameli Jacob Zuma elenca umva wendoda ebonakaliswa njengo-Atul Gupta, yena sokuze awenze umzobo onjalo.

Usuku langoLwesibini litshone kubethana izimvo kumakhasi onxibelelwano ngenxa yomzobo ozotywe nguMabulu.

Lo mzobo uyinxalenye yengxoxo-mpikiswano ngoluvo lokuba uZuma uthatha imiyalelo yokulawula eli kolu sapho lakwaGupta.

Kudliwanondlebe nejelo leendaba * -eNCA uNjingalwazi Ntuli uthe, “Kubalulekile ukuba uluntu luwazi umyalezo wobugcisa ukuba ubhekiselele kwinto eqhubekayo elizweni.

Ingxaki kukuba uluntu libona umzobo walo mntu uzotyiweyo, licaphuke ukuba indlela elizibona ngalo kuwo aliwuthandi.”

Ukwathe akanagxeke ngalo mzobo noxa engasoze awuzobe, kuba zininzi iindlela anokubonakalisa ngazo uluvo lwakhe kumba ochazwa ngulo mzobo.

UNtuli uthe, “Zininzi iindlela zokudlulisa umyalezo usebenzisa ubugcisa, ingxaki sicinga njengabantu abamhlophe, ndingumZulu bendinokuzoba umntu oguqe phambi kwalo kuthiwa uthatha umyalelo kuwo, kodwa naye uMabulu uwenze ngokombono wakhe, kwaye ikwalilungelo lakhe.”

UJacques Michau weToto Gallery eKapa uthe, “U-Ayanda unegalelo elikhulu kwingxoxo-mpikiswano eqhubeka ekuhlaleni, umgaqosiseko uyalikhusela ilungelo lakhe lokuzoba lo mfanekiso, kodwa angazibona esengxakini ngomzobo onje.”

Ukwathe umntu okhethe ukuba semehlweni oluntu njengomongameli Zuma okanye nabo bonke oosaziwayo mabalindele ukuba izimvo ngendlela abaziphethe ngayo zitolikwe ngohlobo abadlali bobugcisa ababona ngalo.

Abagxeka uMabulu kumakhasi onxibelelwano bathe uthanda amehlo.

UNtuli uthe abo benza ubugcisa bayakwenza oko xa umsebenzi wabo ungekho semehlweni ngokoneleyo.