Izihlonipho zasemaThileni nasemaNantsini

Ngokwesithethe seentlanga zakwaNtu umfazi ongumendi emzini wakhe ufundiswa imithetho ngemithetho, imithetho ethi umfazi makathwale iqhiya angabethi ngentloko emzini phambi kooyisezala nooninazala; kuthiwe ooyisezala namadoda omzi akufuneki awahambele ze, kufuneka axakathe afihle amagxa akhe; kufuneke ukuba athi hatya isikhafu phezu kombhinqo; kuthiwe imibhaco yomfazi mayibethe entla kwamaqatha ingemi entla kwamadolo; kuthiwe umfazi akanakungena ebuhlanti; kuthiwe umfazi akanakuwatya amasi emzini; kuthiwe umtshakazi okanye umfazana akawatyi amaqanda emzini wakhe; kuthiwe umfazi kufuneka ahloniphe azicwezele indawo ezithile kuba zinamangcwaba ooyisezala; kuthiwe xa efika umfazana ekwendeni, engumtshakazi makacweze ahambe emva kwezindlu anganqumli ngaphambili. 

Sisithethe samaXhosa la nto ithi, umfazi makanike intlonipho esizweni endele kuso, xa kusilwa utywala besiXhosa bonke abafazi mabancedise ekuqobeni umbona nasekuphekeni izidudu zotywala, bazipholise, bazifake bagqibele ngokubuhluza utywala bemanyene bebonke.
Kule ngxoxo kuqwalaselwe indlela abafazi abahlonipha ngayo kule mizi ndiyidwelisileyo.

Abafazi bakwaDlomo: AmaDlomo, ooMadiba, ooVelabembhebtsele, isiziba sawo yiQethume eMbhashe. Umfazi wakwaDlomo akazinyusi iilokhwe okanye imibhaco xa ewela kwelo zibuko. Umfazi uyayiyeka imibhaco irhuqe emanzini ibe manzi. Umntu wakwaDlomo nokuba uyindoda akanakho ukuwela umlambo ephethe inyama ekrwada ivuza igazi, kufuneka aqale angxengxeze anqule kuqala, athethe axele ukuba uphethe inyama ekrwada.
Kuthiwa umntu ohamba ebusuku uthi xa eza kuwela ngakweso siziba seQethume akhwaze ngabantu bomlambo angababoniyo bathi, “Uncede unganyatheli loo mithombo! Bendakukwenz’into ibonwe, uya kusinda kuba ndincancisa.” Ngenxa yeso sizathu yiyo le nto umntu xa eza kuwela emlanjeni kufuneka aphose igade khon’ukuze angaphazamisani nezinto zomlambo, abonwe esekude.

Abafazi bamaQoma: AmaQoma, ngoSigqu, ooNyohela, ooNwaba ndikwenze! Eli gama lithi Mqoma ke alibizwa ngabafazi basemaQomeni bayalihlonipha, bathi xa bebiza amaQoma ngamaVanda. Xa umntu eqoma inyama bathi abafazi bamaQoma, ‘Umnawuki uvanda intshani’ okanye ‘Umnyatheli uvanda imheya.”. Kuxhomekeka ngokwendawo nemizi yasemaQomeni abahlonipha bekuyo abafazi, kwezinye iindawo abafazi bathi inyama yintshani, kanti kwezinye bathi inyama yimheya. Kwezinye indawo bathi umntu ngumnyatheli, kanti kwezinye iindawo bathi umntu ngumnawuki. Kodwa ke eyona nto bayenzayo kukuhlonipha eli gama lithi ukuqoma, xa umntu eqoma bathi uyavanda.

Abafazi bakwaMhlahlo: AbakwaMhlalhlo ngooNozulu, ooMchumane, ooNomthathambi njengeliphezulu lona ladla umntu alabekwa mlandu! UMhlahlo E.B. umfo wakwaNozulu kwaMchumane, waphawula kwiphephandaba laseMthatha lesiXhosa, ‘Umthunywa’ ngowe1959 ngendaba yokuhlonipha kwabafazi bakowabo, ebalisa ngemvelaphi yegama lomLungu ogama kuthiwa nguNotshenge: “UNotshenge: mhlawumbi abafundi bephepha eli bakwaGatyane bangavuya ukwazi ngemvelaphi yeli gama. Elona gama lakhe ncam afika nalo apho kuloo venkile nguMagqazolo. 


Inkulu kaDinana unyana kaMhlahlo yayinguMagqazolo nayo, laba ke igama lomLungu uMagqazolo lidibana neli lenkulu kaDinana. Ilali yakwaMhlahlo ikufutshane kakhulu nale venkile kaMagqazolo. Ukuhlonipha inkulu kaDinana abafazi bakwaMhlahlo baqala bathi xa bethetha ngale venkile, “Bendithe tshe kwaBhuti” okanye evenkileni kwaMagqazolo.

Babuya babona ekuhambeni kwexesha uba asiyo nto intle uba bathi umLungu nguBhuti. Khon’ukuze ke bajike bathi lomLungu nguNotshenge. Ekuhambeni kwexesha baliyeka bonke abantu igama levenkile kaMagqazolo balandela eli abizwa ngalo ngabafazi bakwaMhlahlo.”

Abafazi bamaNgwevu: AmaNgwevu, ngooTshangisa, Zulu-Khaya, Mhlatyana! Abafazi bamaNgwevu njengabo bonke abafazi bakwaNtu banamagama abawahloniphayo abangawabiziyo kuba behlonipha izithethe namasiko omzi wabo emaNgwevini. Bathetha ngolu hlobo: Intethe ebizwa ngokuba ngumntanezulu bathi nguntemekwane –wehloma; Izulu bayalihlonipha bathi:  ‘lihloma’. Xa esithi izulu liyaduduma bathi: ‘ihloma lihlomile’.

Abafazi bamaMpondomise: AmaMpondomise anesithethe sokungcwabela iinkosi zawo emilanjeni, ngenxa yeso sizathu bonke abafazi besizwe samaMpondomise umlambo bathi ‘ngumwelo’ okanye ‘umzi omkhulu’ okanye ‘ichweba’. Xa bewela umlambo bayayirhuqisa imibhaco. Xa ekhulelwa uyaxela ukuba ulindele umntu ozayo aze amnqulele impilo entle. Inyoka ebizwa ngokuba yinkwakha ebizwa nangokuba nguMajola bayayihlonipha bathi ngu ‘mrhula’ okanye ‘umntu omkhulu wekhaya’. 

Abafazi basemaXhoseni: Bonke abafazi bemizi yamaXhosa bayawuhlonipha umlambo kuba kulapho ikumkani yamaGcaleka yathwasela khona bathi umlambo ngumwelo. Kukho inkolelo yokuba kukho isilo esihlala emlanjeni ekuthiwa igama laso yinkanyamba esimana sifuduka komnye umlambo siye komnye. Ngoko ke xa izulu lithe lalibi kwawa inkanyamba, abayibizi bathi ‘yile nto iphezulu.’ Amahambanamvula bayawahlonipha bathi ‘ngamatye’. Xa kuwe amahambanamvula bathi, ‘Ihloma beli libi kuwe namatye. Kangangokuhlonitshwa kwenkanyamba namahambanamvula emaXhoseni kuyazilwa kungalinywa ngosuku olulandelayo.