Izijwili zezikhalo ngethuba kubanjwe umthandazo ka-Iyapha (4)

Obeminyaka emine kuphela u-Iyapha Yamile othe wabulawa ze umzimba wakhe wafunyanwa ekwiplastiki emnyama, uthiwe tywa kufutshane nendlu kanina eTown Two eKhayelitsha. Umfanekiso: Uthunyelwe

KAPA: Ibizizijwili nje zodwa kumthandazo wentwazana eneminyaka emine ubudala efunyenwe iswelekile kwingingqi iZone 14 kwingingqi yaseTown Two, eKhayelitsha eKapa.

Lo mthandazo ubuququzelelwe liphiko lamanina eAfrican National Congress kwaWard 94.

U-Iyapha Yamile obeneminyaka emine ubudala waduka ngeCawe, ze umzimba wakhe wafunyanwa ngentseni yangoMvulo, sele ungenakusabela xa ubizwa.

Lo mthandazo ububanjwe kwindawo ofunyenwe kuyo umzimba wale ntwazana nalapho umfundisikazi uNosipho Magcoba athuthuzele usapho ngelizwi leNkosi.

Ubongoze amanina ebelapho ukuba aqiniseke ukuthandaza uThixo bakhalimele iziganeko ezikumila kunje.

“Masithandazeni makhosikazi sifane namakhosikazi akudala ayethandaza kume imigodi, umntu makangahlekisi ngentlungu yomnye umzalikazi koko makathandazele ukuba uThixo amncede kuba amaxesha amaninzi abantwana bethu benza izinto ezisihlazisayo.”

Uceba kwaWard 94 uPatrick Mngxunyeni, uthe: “Ndibulela ukuba abahlali badibane ngale ndlela badibene ngayo apha ukuze bakwazi ukukhalimela esi siganeko, asizokuyeka ukunxakama sisenza ingxolo sisithi inyala elinje ngeli lingaze liphinde lehle apha phakathi kokuhlala.

Sifuna nabo baphakathi ekutyeni iziyobisi bakugqiba benze imikhuba ekumila kunje bayazi ukuba sikukuhlala asifuni kuyibona into enje.

Asizokuphelela ukunxakama kule ndawo afunyenwe kuyo u-Iyapha kodwa sizakuya nakunozala wayo yonke le nto, kwaye sesiyazi ukuba unozala ziziyobisi.”

OkaMngxunyeni uthi bazakungqala kwimizi ethengisa iziyobisi, abazokuyivumela ukuba iqhube ushishino logama ukuhlala kusonakala. Uthi bazakuqinisekisa ukuba abonwabi abo bazithengisayo kuba abazokusoloko bephakama mva sele konakele kwaye abazokulinda mapolisa baza kuwuphelisa nya umkhuba wokuthengiswa kwesiyobisi se-tik.

Uthi “Ayiso siganeko sokuqala esi ukwenzeka kule ngingqi ngenxa ye-tik, qha bayathomalala xa kusando kwenzeka isiganeko ze baphinde baqalise ukuthengisa xa kuthe cwaka.”

Uqhuba athi uyayamkela intsebenziswano yabahlali namapolisa nekhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ngokoyamene nesi siganeko.