Izikhangelela indawo kwiRap i-Ugie Mob!

Iqela lomculo weHip hop i-Ugie Mob

INYE kuphela into enqwenelwa ngabafana base-Ugie – kukuphakamisa idolophu yabo kananjalo nokubonisa ulutsha lwala ndawo ukuba nalo lunako.

Iqela lomculo weRap elizibiza i-Ugie Mob lizibona kumaqonga amakhulu omculo neebhilibhodi ezinkulu zoMzantsi Afrika.

I-Ugie Mob, liqela lamagatyana amahlanu, uAbongile “Maqhalo” Mjuleni, uSiviwe “Preacher” Mdlokovana, Sinethemba “Decomposer” Mqaqanda, uSivuyile Makhwelo noLucky Mjobo.

Bandwendwele I’solezwe ebutsheni bale veki, bezingomb’ isifuba ngelithi bazakube besaziwa lilizwe kungekudala.

“Sizakube sikumaqonga amakhulu omculo, sinik’ ithemba kulutsha kwaye sinikezela ngokutya kweendlebe,” kutsho uMakhwelo weli qela.

Olu lutsha lwase-Ugie, noluphuma kwiilali zala dolophu ezohlukeneyo, lalifudula lingamaqela omculo amabini abizwa iKasi Crew neMDP.

Kwathi ngethuba bengenela ukhuphiswano lokukhangela italente kummandla woMasipala waseLundini ngo-2011 kwanyanzeleka badibane, benze iqela elinye elizibiza i-Ugie Mob.

Lo nyaka, yaba ngunyaka apho i-Ugie Mob yaphumelela kolo khuphiswano, kwaye kulapho bazixelela ukuba ababe baphinde babuye bajonge ngemva.

Olu khuphiswano, ikwalulo olwaveza iimvumi ezifana no-Nathi Mankayi kunye nodade wabo uAmanda Mankayi.

I-Ugie Mob, iza nohlobo lwayo lomculo abawubiza iLali Style Rap. “Sicula nangantoni esichukumisayo ngelo xesha, kwaye siqinisekise ukuba loo ngoma ikhatshwa ngumyalezo,” batsho bengqinelana.

Ukususela ngo-2011 sele bekhuphe iingoma ezifana naleyo ethi Kwantu no My Hood. Ukanti ngoku bakhupha ingoma entsha ethi Sangena.

Ubani ofuna ukumamela uncuthu lweengoma zabo angaya kwiminatha yokuthenga umculo. Bakhuphe ilizwi lombulelo ngakumasipala waseLundini noluntu ngokubanzi ngenkxaso.

Ingoma yabo ethi Sangena ishicilelwe yinkampani yokushicilela kaSteve “Sticky” Raphadu – iSticktainment Music eRhawutini.

Bafumane kuFacebook: UGIEMOB Official nakwiTwitter: @Ugie_Mob