Iziko lembali kaSobukhwe

Inkokeli yePAC uMangaliso Robert Sobukhwe

Sele kumbovu ukuba livulwe ngokusesikweni iziko elingembali kaNjingalwazi Mangaliso Robert Sobukhwe kwidolophu awazalelwa kuyo eRhafu.


Ingxelo yekhaya ithi eli ziko lizakube liqulethe imbali ngokuzalwa, ukukhula, ukufunda, upolitiko nokufundisa kwanokubhubha kukaSobukhwe. 


UNjingalwazi Mangaliso Robert Sobukhwe wasungula uluvo lwezopolitiko olwakhokelela ekusungulweni kombutho wePAC awathi wawukhokela njengomongameli wokuqala.


Unyana wakhe uDinilesizwe Sobukhwe uthi bayavuya ngumsebenzi owenziwe ngurhulumente ngesi sakhiwo. “Umhlaba lo sakhiwe kuwo esi sakhiwo sawuphiwa lisebe lemisebenzi yoluntu, kubekho imali esayifumana kwiLotto, nesebe lemidlalo, inkcubeko amasiko nezithethe ethe yancedisa kakhulu nayo kulo msebenzi,” ucacise watsho uSobukhwe.


Idolophu yaseRhafu yazifumanela indumasi ngenxa yegama likaMangaliso Sobukhwe owayekhuthaza ukuzingca komntu omnyama, logama waba yinkokheli yokuqala ukuthetha phandle ngokubuyiswa komhlaba wabantu abamnyama. “Okona kusivuyisa kakhulu kukuba iza kugcinwa ngokucacileyo imbali engobomi bakhe, ukuze ifunyanwe zizizukulwana ezininzi ezizayo, incede ukugalela kwingxowa yolwazi,” utsho uSobukhwe.

 

UNjingalwazi Mangaliso Robert Sobukhwe waba yenye yamadoda okuqala amnyama awathi abangabahlohli kwinzululwazi nezibalo kwiyunivesithi yaseWits.


“Iyahlekisa into yokuba wonke ubani kwezopolitiko ngoku uthetha izimvo zikatata, ooMalema, Ramaphosa nabanye bahamba kanye kumkhondo wezimvo zakhe, ngenxa yoko siyamkhahlela uJambase,” utsho uDinilesizwe. 


USobukhwe uzele abantwana abane abaquka umafungwashe wakhe uMilisa, Dinilesizwe namawele uDalindyebo noDedanizizwe. 


Esi sakhiwo siza kumumatha imbali ngobomi bukaSobukhwe, sakhiwe kumbindi welokishi azalelwe wakhulela kuyo uSobukhwe iMasizakhe eRhafu.


UDedanizizwe ugalele encoma kumsebenzi owenziwa ngurhulumente weli ukuphucula ubomi bempilo yekhaya lakhe. “Utata uMandela ngela xesha wayengumongameli wasithengela izindlu ezintathu ezisemgangathweni apha edolophini yaseRhafu, ngenxa yoko ndiyabahlonipha mna aba bantu baphetheyo.”

 

Zimbalwa izinto eziseleyo ukuqukumbela esi sakhiwo sale ndlu yembali kaSobukhwe. “Indlu le yonke igqityiwe, iiofisi, izindlu zangasese, iholo, indawo yokubamba intlanganiso esidlangalaleni namagumbi aza kugcina ulwazi ngemifanekiso, imiqulu nolwazi oluqulathwe bubuxhakaxhaka bala maxesha,” utshilo uDinilesizwe.


Uthi kulindeleke ukuba kutyalwe imithi yohlobo olulodwa kumhla esimi kuwo esi sakhiwo. “Emva kokutyalwa kwemithi andiqondi ukuba ikhona enye into eseleyo, kumele ukuba sivulwe isakhiwo esi phaya emva kobusika balo nyaka,” utshilo. 


Idolophu yaseRhafu izinze kumasipala iDr Bayers Naude kwiKaroo kumda weNtshona Koloni neMpuma Koloni.