Iziko lophando ngemveliso yobisi eFort Hare

Umphathi weYunivesithi yaseFort Hare uNjingalwazi Sakhela Buhlungu. Umfanekiso: UFH

Kuvulwe ngokusesikweni iziko lophando ngemveliso yobisi kwiYunivesithi yaseFort Hare ngeenjongo zokunabisa uphando nzulu ngeemveliso zobisi.

Inkampani yemigodi iAngloGold Ashanti ibinze ngemali engaphezulu kwezigidi ezilishumi elinambini zeerandi (R12.5 million) ngeenjongo zokuba kusungulwe eli ziko eliyimbali.

Ngenxa yeli ziko kulindeleke ukuba kuveliswe ulwazi oluzakunceda ukukhulisa amafama avelisa ubisi logama kukwaxhotyiswa neziko lezifundo zezolimo eFort Hare.

Ukuveliswa kobisi yenye yeenkqubo ebezisetyenziswa kakhulu nguRhulumente waseTranskei kwiinzame zokulwa indlala ukuze kuphilwe ngabantu.

Phantsi kweli linge loRhulumente wadala amaziko amaninzi kuveliswa ubisi ngokuthengela uluntu iinkomo zobisi.

Ethetha ngethuba kuvulwa eli ziko uNjingalwazi Sakhela Buhlungu ongumphathi weYunivesithi yaseFort Hare uthethe wenjenje: “Lo ngumbono ovele ngexesha elifanelekileyo,” kutsho uBuhlungu.

IYunivesithi yaseFort Hare lelinye lamaziko emfundo ephakamileyo elineziko lokuvelisa ubisi phantsi kwenkampani iAmadlelo.

USimpiwe Somdyala ngumphathi weAmadlelo, inkampani efuye iinkomo ezivelisa ubisi kule Yunivesithi.

“Imveliso yobisi kwihlabathi ikumgangatho ophezulu, ngoko ke eli ziko lizakunceda ukunika ithuba neqonga lokuba imveliso yobisi iphucuke logama izakuba ihambelana nobuchule balamaxesha,” kutsho uSomdyala.

Ukuzalwa kweli ziko kuqhwatyelwe izandla ngabavelisi bobisi abaphambili kweli abaquka umbutho iMilk Producers’ Organisation (MPO).

UFanie Ferreira ngumlawuli weMPO, uthi bayalincoma eli nyathelo kwaye banethemba elikhulu kulo.

“Siyavuya kakhulu, kwaye silindele ukubona iziqhamo zokumiselwa kweziko elifana neli, kukho imfuneko yophando nzulu ngemveliso,” kutsho uFerreira.