Izikolo azizuphinda zakhiwe ngesamente

UMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade xeshikweni eseNgcobo

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni nakundlunkulu lithathe isigqibo sokuba izikolo ezakhiwe ngezitena zesamente azizuphinda zakhiwe apha ephondweni.

Oku kuvakaliswe nguMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade. UMphathiswa uGade ukuvakalise oku kwilali yaseLuhewini eNgcobo xeshikweni enikezela ngesikolo esitsha esiyiNtlelelengwane Primary School, ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kweyoMsintsi.

ISebe lezeMfundo lichithe izigidi ezingamashumi amabini anesine zeerandi ekwakhiweni kwesi sikolo saseNtlelelengwane.

Ngokutsho kukaMphathiswa uGade bafikelele kwesi sigqibo emva kokuba bathe bakroba zonke iinkalo malunga nale nyewe.

“ISebe lezeMfundo liqaphele into yokuba lichitha izigidi ngezigidi zeerandi ekwakhiweni kwezikolo. Ngamanye amaxesha eziz ikolo ziye zivalwe ngenxa yokunqongophala kwabantwana abafunda kuzo. Xa sivaliwe esi sikolo kuye kunyanzeleke ukuba abantwana bathuthwe basiwe kwesinye isikolo. Isikolo esivaliweyo sishiyeka singenanto yokwenza, kutsho ukuthi loo nto urhulumente imali yakhe imke namanzi. Le nto ibangele ukuba sithathe esi sigqibo sokuba singaphindi sakhe izikolo ngezitena zesamente,” utsho uGade.

UMphathiswa uGade uyibeke elubala ukuba izikolo ziza kwakhiwa ngento eza kuthi ikwazi ukususwa xa abantwana bemkile kweso sikolo.

“Xa wakhe ngesamente awukwazi ukusincothula isikolo usise apho sifuneka khona. Kanti ngoku siza kuzakha ngento ekwaziyo ukuncothuka ze kuthi xa sijamelene nemeko yokunqongophala kwamanani abantwana sikwazi usisusa apho sisise apho abantwana bakhoyo. Imeko yezoqoqosho ichaphazela izinto ezininzi. Jonga ngoku apha eMzantsi Afrika sinengxaki yokungazinzi kwezoqoqosho, loo nto inefuthe nakwezinye izinto. Abantu bathatha abantwana babo bayofunda kwizikolo ezikwiindawo abasebenza kuzo kuba bebaleka ukuthenga ukutya kaninzi. Umntu uye aqonde ukuba akakwazi ukuthenga ukutya akuse ekhaya ze aphinde athenge ukutya okuza kutyiwa nguye edolophini apho asebenza khona. Loo nto izichaphazele izikolo zethu,” utsho uGade.

Ngokutsho kweSebe lezeMfundo eli cebo baza nalo lokwakha izikolo liza kuthi lincede isebe ukuba lichithe imali encinci xa lisakha izikolo kunezo zakhiwe ngesamente.