Izikolo mazivelise abadlali

Ibhola ekhatywayo ngumdlalo olandelwa zizigidi zabantu kwihlabathi jikelele kwaye udlalwa ngamakhulu-khulu amawaka abantu. Nokuba ungayaphi uza kufika kudlalwa ibhola; ezilalini, ezilokishini nasedolophini – kuyafana.

Kodwa nangona kudlalwa kwiindawo ezininzi, apha eMpuma Koloni kukhona ukusilela okuthile xa ubani ejonga inkqubela phambili kwamanye amaphondo. Apha thina sinabo abantu abadlala ibhola kodwa asinabo abaqeqeshi, amabala okudlalela kunye noosompempe bokuphatha imidlalo.

Bonke aba bantu ndibabalileyo babalulekile kakhulu kuphuhliso lwebhola kwaye bonke kufuneka bafumane uqeqeso olukumgangatho ophezulu ukuze imveliso ibeyile ifunekayo.

Kumaphondo afana neKwaZulu-Natal, Ntshona Koloni kunye neGauteng kukho amaqela amaninzi adlala kwiPremier Soccer League – onke ayancedisa ekuveliseni imbewu yabadlali entle kuba banazo zonke izinto ezifunekayo zokuphuhlisa italente.

Apha kweli iphondo leMpuma Koloni akukho kwasicwangciso esibonakalayo esinokuthi sikhuthaze ulutsha ukuba ludlale ibhola.

Kukho iChippa United kuphela kodwa nayo kusenzima kuba isazama ukumilisela iingcambu zayo kwiPSL. Ewe, inendima eza kuyidlala kuba iza kubanika amathuba abantwana beli phondo kodwa xa inye akukho nto inokuyenza. Apha kufuneka kuphuhliswe abaqeqeshi abasezilalini nasezilokishini apho idlalwa khona kakhulu ibhola.

Kuphuhliswe oosompempe ukuze bancedise ngokufundisa imithetho yebhola gabalala. Okunye okufunekayo ngamabala okudlalela akwisimo esingcono kunale imeko akuyo ngoku, kuphinde kubekho nabantu abaza kujikeleza becholachola italente kulo lonke eli leMpuma Koloni – ukuba kungenziwa ezo zinto ngabantu abajongene nophuhliso lwebhola abaphaya kwiSAFA kungalunga apha.